1. INgxelo kaRhulumente ngeeNgxoxo ze-e-Education (kaSeptemba 2004) ( White Paper on e-Education (September 2004) ) icacisa ithi kwintshayelelo yayo: “A global revolution is currently taking place in education and training. It is driven by the changing nature of work, the realities of the information age, new global partnerships and an awareness of the need for equal distribution of educational opportunities.”
2. Ngenxa yoku, abafundi eNtshona Koloni bafundiswa ukusebenzisa iikhompyutha kunye nezinye izixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha (other digital resources) njengenxalenye yamalungiselelo abo ukuba balungele iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate). Ziliqela izifundo ekuthiwa kuzo abafundi mabasebenzise ezinye izixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha ukuze bafumane iziphumo zokufunda. Abafundi abenza ezi zifundo Computer Applications Technology and Information Technology baya kusebenzisa iikhompyutha ekuqaleni kuka-2006 njengoko bengena kwiBakala 10. Ezi zifundo zilandelayo zibekwe phambili kwizwelonke ekusetyenzisweni kwekhompyutha ngabafundi ukususela ngo-2007: Accounting, Civil Technology, Design, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Geography, Life Orientation, Mechanical Technology, Tourism and Visual Arts. Ezinye izifundo ziya kuzuza nazo kolu setyenziso lwezixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha.
3. Izixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha zibandakanya izinto zokufundisa nokufunda ezivela kwi-World Wide Web, ii-CD ROM nakumajelo asasaza ngomabonakude (television broadcast media). I-Educational software and applications maxa wambi zinxulumaniswa ne-computer peripherals, ezinjengezi interactive whiteboards, probes, sensors, keyboards kunye nezinye izixhobo ezilawulwa ngekhompyutha.
3.1 Ukwenzela ukuba ootitshala abakwi-FET nakwi-GET babenako ukuziqhelanisa ne-educational software efumaneka kwakweli, u-EDULIS kunye neziko elinguvimba (resource centre) kwi-EMDC nganye banekhomyutha ezimeleyo (stand-alone computer) ekuthi ke amaxesha ngamaxesha u-Associated Distributors of Educational Supplies in Southern Africa (http://www.adessa.org.za) afake isoftware entsha. Ikhathalogu yale software ifumaneka kwiziko lewebhu lika-EDULIS apha http://edupals.wcape.gov.za.
3.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqinisekise ukuba izikolo zesebe ezine-FET ziya kukwazi ukufikelela kwi-Mindset multimedia, video and print materials ukuxhasa ezi zifundo English, Mathematical Literacy, Physical Sciences nezolwazi ngezemali (financial literacy). Abaphathi beprojekthi uKhanya baya kunxibelelana nezikolo ngokumalunga noku baze baqeqeshe ootitshala ekusetyenzisweni kwesi sixhobo.
3.3 Kwakhona iSebe iWCED lenze amalungiselelo okuba zonke izikolo, ezikarhulumente nezizimeleyo, eNtshona Koloni ezine-GET ne-FET zize zikwazi ukufikelela kwi-Rubricate software, ukwenzela ukuba ootitshala bakwazi ukwenza iirubrikhi zovavanyo zamaBakaka R - 12. Ziya kwaziswa izikolo ezineekhompyutha ukuba luya kuqalisa nini na uqeqesho ngethuba elisusela ngo-2006 kuye kutsho ku-2008.
4. La maxwebhu Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects kumaBakala 10 - 12 aya kuthunyelwa ezikolweni ngoFebruwari ukuncedisa izikolo ekufakweni kweThekhinoloji yeNgcaciso noNxibelelwano (ICTs) ekufundiseni nasekufundeni. Iingongoma ziya kubandakanya usetyenziso ngokubanzi lwe-ICTs kuzo zonke izifundo ze-FET; usetyenziso lwe-ICTs kwisifundo esithile; i-educational software nokuba ungayihluza njani na; usetyenziso lwe-intanethi (Internet) kwisifundo ngasinye; nezixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha ezibonelelwa yi-WCED.  Kwakhona izikolo ziya kwazi ukukopela kwikhompyutha (download) olu xwebhu kweli ziko ledatha le-Digital Resources http://curriculum.wcape.school.za/site/113 ngethuba lokuvulwa kweziko ukuba lusetyenziswe luluntu ekuyeni ekupheleni kukaFebruwari.
5. Ukwenzela ukulungiselela ootitshala oku kufakwa kwe-ICTs kwizifundo ze-FET, uqeqesho kwisifundo ngasinye luza kuqhubeka ngo-2006, 2007 nango-2008. Ziya kwaziswa izikolo kwangethuba ngekhosi nganye kwezo ziza kuqhutywa.
6. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, amagosa ekharityhulam asingethe lo msebenzi wokufakwa kwe-ICTs kwizifundo ze-FET, ngala Ms A Lowenherz (021 467 2621, alowen@pgwc.gov.za) no-Ms A Basha (021 467 2569, anbasha@pgwc.gov.za).


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:27

White Paper: e-Education (September 2004)  (adapted for delivery via the Internet)  (ubukhulu: 250 KB)