1. UKhuphiswano lwango-2006 lwaMazwe ngaMazwe lwezoBugcisa luye lwaququzelelwa kulo nyaka yi-National Children's Culture kwi-Ofisi yoMphathiswa wezeNkcubeko eYiphutha.
2. Olu khuphiswano lwezobugcisa luvuleleke kubo bonke abafundi abaphakathi kweminyaka emi-4 neli-18 ubudala. Umxholo wolu khuphiswano uthi "IYiphutha ngokweembono zabantwana behlabathi" ("Egypt through the eyes of the children of the world.")
3. Umhla wokugqibela wokungeniswa kwamagama abalubhaliselayo ngowama-30 Novemba 2006.
4. Fumana nazo iinkcukacha zokhuphiswano kwisiHlomelo A.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyalixhasa eli nyathelo njengoko linika abafundi ithuba lokubonisa kumazwe ngamazwe ubugcisa obubonwayo babo, izakhono zoyilo nengqondo ekwaziyo ukuyila izinto (creativity).
6. Bayakhuthazwa ootitshala bezoBugcisa neNkcubeko ukuba basebenzise lo mxholo wokhuphiswano ukomeleza nokuqhamisa ikharityhulam ye-GET kwezoBugcisa neNkcubeko (kumaBakala R - 9).
7. Abafundi abaya kwi-WCED's new Arts & Culture Focus Schools kunye nabo balandela indlela eyodwa yekhondo lokufunda ye-GET Arts & Culture specialised learning pathway (Visual Arts) kwiBakala 8 nele-9 bayakhuthazwa ngokukodwa ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano.
8. Ukuze kuphunyezwe injongo yolu khuphiswano, bonke abalungenelayo bamaBakala 10-12 abenza izifundo zoBugcisa bokuBonwayo okanye nokuYila (Visual Arts or Design) kuya kulindeleka ukuba benze uphando ngezenkcubeko (culture) kwanenkcubeko elilifa (heritage) yaseYiphutha, bajonge kwakhona igalelo layo elingafani nelinye (unique) kwezobugcisa, ubugcisa bokuzoba izakhiwo (architecture), ukuyila nobugcisa bezandla (design and craft), ngokwenjenjalo baya kuba baxhasa ukuphunyezwa kwesilabhasi entsha ye-FET yoBugcisa bokuBonwayo kunye nokuYila (Visual Arts and Design).
9. Nceda wazise bonke ootitshala abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:20

Isihlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)