1. Intshayelelo

Ulawulo ngendlela eyiyo lweemviwo kwiziko lemfundo ngumba obaluleke gqitha kwinkqubo yeemviwo. Iinqununu, ngokwezi Setyhula 0137/2002 no-0193/2003, ngamagosa eemviwo aziintloko kwaye ke ngoko zifanele ukuphendula ngenkqubo yeemviwo kwizikolo zazo.

Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo nokuba ngaba ziimviwo zeMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 okanye zeMatriki kungaphazamiseka ngo-2006, kubaluleke kakhulu ukuba kuqulunqwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingayingozi (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukulungiselela ukusingatha ukuphazamiseka okungakho ngethuba lokubhalwa kweemviwo.


2. Isicwangciso sokuqulela okungehla esimalunga nokusingatha iimeko zikaxaxeka
2.1 Njengoko iintlobo zemeko kaxakeka zinokwahluka apha naphaya, iSebe iWCED liqulunqe le nkqubo ilandelayo ejolise ekufikeleleni kwiimeko apho kukho imfuneko yokuncitshiswa kwesiphumo sokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo ngenxa yemeko kaxakeka. Kubaluleke gqitha ukuba onke amaziko alungiselela abaviwa ababhala ezi mviwo ukuba alandele inkqubo efanayo emayisetyenziswe.
2.1.1 Ukuba kuvela imeko kaxakeka phambi kokuba abaviwa baqale ukubhala, mabangavunyelwa bangene kwindawo yokubhalela (kwiindawo zokubhalela) iimviwo bengakhange bayalelwe ukuba benjenjalo. Nakuba kunjalo, mabagcinwe bodwa bangadibani namanye amaqela yaye basoloko begadiwe.
2.1.2 Ukuba imeko kaxakeka ivela ngexesha abaviwa bebhala kwaye kucacile ukuba kunyanzelekile ukuba kuphunywe ngobungxamo egumbini lokubhalela uviwo, abaviwa bawiselwe imiyalelo yokuba
  • bashiye zonke iincwadi zivaliwe phezu kweedesika zabo.

  • baphume kwigumbi lokubhalela uviwo bephuma kwigumbi ngalinye ngexesha yaye ngalo lonke ixesha babe phantsi kweliso lomgadi wabaviwa (labagadi babaviwa) kunye nomgadi wabaviwa oyintloko, naphantsi kolawulo lwenqununu njengeyongameleyo. Kungacelwa nabanye ootitshala (ingengabo abo kubhalwa izifundo zabo) beze kuncedisa ekugadeni abaviwa.

  • bangathethi okanye banxibelelane nabanye ngayo nangayiphi na indlela.

  • bangabinazincwadi, maphepha, njl. njl apho kubo.

  • bangabinaziselula apho kubo.

  • bahlale bethe cwaka kwindawo efanelekileyo kumhlaba wesikolo bebekwe ngokwahlukeneyo omnye komnye ukuze kungabikho nxibelelwano luqhubekayo phakathi kwabo.

  • babuyele ngenzolo bethe cwaka kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) xa benikwe imvume yokwenjenjalo baze baqhubeke nokubhala besusela apho bebeyeke khona.

2.1.3 Abaviwa mabanikwe elo xesha lisaleleyo kwelo belimiselwe ukuze bagqibe ukubhala uviwo, bakuba bebuyele kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) o.k.t. ixesha lilonke elabelwe iphepha elo, kophulwe ixesha abalisebenzise ekubhaleni phambi kokukhutshwa ngobungxamo.
2.2 Inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko kunye nabanye abagadi babaviwa mabagade abaviwa ngalo lonke ixesha. Ngamnye umgadi wabaviwa unoxanduva lokusoloko egade iqela labaviwa bakhe.
2.3 Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo, makwaziswe umphathi wesekethe okanye umlawuli we-EMDC ngoko nangoko. Umphathi wesekethe uya kuzama ukuya kufika esikolweni eso ngokukhawuleza ukuze aqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Umphathi wesekethe makayijonge yonke imeko ngeliso elibukhali ukususela kwixesha afike ngalo kweso sikolo.
2.4 Ukungaphumeleli ukukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo nenkqubo ebekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka kolo viwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo, anjengokubhala elinye iphepha elitshintshwe apha naphaya ekupheleni kwethuba lokubhalwa kweemviwo okanye kubhalwe uviwo lokuxabangela (supplementary examination) kwisifundo esichaphazelekayo ngoFebruwari/Matshi 2007 (kuviwo lweMatriki kuphela).
2.5 Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungenzeka ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa kwanangeziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngendlela eyiyo.
2.6 Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iSebe iWCED liya kwazisa ngoko nangoko zonke iinqununu ngeso sigqibo sinjalo senziweyo. Kungafuneka elo phepha loviwo mhlawumbi libhalwe lungadlulanga usuku okanye iintsuku ezimbini zephepha loviwo lokugqibela ngokwethayimthebhile, o.k.t. emva kwe-22 Novemba 2006.

3. Ulawulo lweemeko ezingayingozi
3.1 Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha lulandelayo ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingayingozi ekuqhutyeni kweemviwo zize ziqulunqe isicwangciso sazo solawulo lweemeko ezingayingozi kwangokunjalo.
3.2 Nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha kufuneka kuxelwe ngoko nangoko komnye wala magosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni.
Chief Irregularity Officer:
Ms J Rault-Smith, ifoni 021 467 2622 okanye 082 448 1801

Irregularity Officers:
Mr T Magwaca, ifoni	021 467 2626
Mr J Parbhoo, ifoni	021 467 2572


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:19

Checklist  (ubukhulu: 8 KB)