1. ISebe leMfundo kuzwelonke liya kusingatha iimviwo kuzo zonke izifundo (full-scale examinations) ngo-2007 zabafundi beBakala, 11 o.k.t ukusetwa kwawo onke amaphepha emibuzo aza kubhalwa ngabafundi beli qela. Nakuba kunjalo, amaphepha emibuzo eemviwo kwicandelo loncwadi (literature) kwiilwimi zaseburhulumenteni kubafundi beBakala 11, aya kusetwa ngamasebe emfundo amaphondo ngokwahlukeneyo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) licela ukuba kwenziwe izicelo kwizithuba zengqesho zabevi neemodareyitha zangaphakathi nabaya kusetela abafundi beBakala 11 amaphepha oncwadi ku-2007 kolu luhlu lweelwimi luqhotyoshelweyo (isiHlomelo A).
3. Kucelwa abo baziingcali zezifundo (subject specialists) nootitshala abanamabanga emfundo aziwayo eminyaka emithathu emva kwematriki, nekufuneka ukuba abandakanye ulwimi oluchaphazelekayo kwinqanaba lesithathu (third-year level), nabanamava okulufundisa ubuncinane iminyaka emithathu kwinqanaba leMatriki kule minyaka mihlanu idlulileyo, ukuba bafake izicelo. Ulwazi olubanzi namava kwiiprogram zokufundisa (instructional programmes) neenkqubo zovavanyo kwizikolo zeFET, amava ekuseteni amaphepha emibuzo eemviwo kunye/okanye okumakisha amaphepha emibuzo eemviwo zeMatriki, nokuba nolwazi ngeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke, zizinto eziyimfuneko nezicetyiswa kanobomi neziya kubathethelela abenzi-sicelo.
4. Izicelo emazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) mazihambe kunye neekopi ezingqiniweyo zezatifikethi zamabanga emfundo yomenzi-sicelo, iikopi ezibonisa izifundo azipasileyo neleta emfutshane yomenzi-sicelo enika izizathu zokuba kungani na kufanelekile ukuba limqeshe iSebe iWCED. Zonke izicelo mazingeniswe kwenye yezi dilesi zilandelayo ungadlulanga owe-29 Septemba 2006:
Idilesi yeposi:
Director: Examinations
For attention:  Mr G Poole (4th Floor) 
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
TOWN 
8000

Idilesi xa iziswa ngumntu: Director: Examinations For attention: Mr G Poole (4th Floor) Western Cape Education Department Grand Central Towers Lower Parliament Street CAPE TOWN
5. Bonke abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kuqeshwa okwethuba lonyaka omnye kwaye mabazimisele ukusebenza phantsi koxinzelelo njengoko la maphepha emibuzo eemviwo kufuneka angeniswe, sele emodareyithiwe, kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-30 Matshi 2007.
6. Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:14

Isihlomelo A  (ubukhulu: 7 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)