1. Iprojekthi iMasifunde Maqela Reading Project inika inkxaso isiCwangciso sokuFunda nokuBhala seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngokubonelela ngeeseti zeencwadi zokufunda zamaBakala 4 - 7. Izikolo ezikwinqanaba elisezantsi kwamahlanu okuhlelwa ngokwentlupheko (lower socio-economic quintiles) ziya kufumana umqulu oneeseti eziyi-16 weencwadi zokufunda kwiklasi nganye zamaBakala 4 - 7. Izikolo ezikwinqanaba eliphezulu kwamahlanu zingakhetha umqulu omnye wesampula nakwawaphi na amanqanaba okuhlelwa afumanekayo. LiSebe iWCED eliyixhasa ngemali le projekthi.
2. Imiqulu yeencwadi ifumaneka ngesiNgesi, isi-Afrikansi nesiXhosa, okanye idibanise ezi lwimi, ukwenzela ukuba kuxhaswe uphuhliso lokufundisa ngolwimi lwenkobe, ekuyinto evunyiweyo njengeyona nkqubo iyimpumelelo yokufundisa abafundi ukuqalela kwiBakala R – 6.
3. Isikolo ngasinye siya kufumana kwakhona i-DVD ekuboniswa kuyo inkqubo yokufunda ngamaqela, kwakunye nencwadana yemigaqo malunga nokuba kusekwa kanjani na ukufunda ngamaqela okuphantsi kolawulo (guided reading) kwiiklasi zamaBakala 4 - 7.
4. Kwenziwe imvumelwano nabapapashi ukuba benze iiseshoni zoqeqesho zeeyure ezintathu. Baya kuqhagamshelana nezikolo abazabelweyo ukuze benze amalungiselelo eeseshoni zoqeqesho eziya kubanjwa ukususela ku-Oktobha 2006 kuye kuFebruwari 2007.
5. Ootitshala bangaqalisa ukufunda ngamaqela ngexesha lezifundo zolwimi okanye ngexesha lokuFunda iHafu yeYure (Reading Halfhour) okunyanzelekileyo yonke imihla.
6. Imiqulu yokufunda iya kuboniswa kwiindawo ezithile kwaye ootitshala bayacelwa ukuba bakhethe imiqulu yabo ukuqinisekisa ukuba bayayifumana imiqulu efanelekileyo ngokungqinelana nenqanaba lokufunda labafundi babo. Abasebenzi bokunika inkxaso be-EMDC neeNGOs bavumelekile ukuba bazihlole iincwadi kunye nootitshala nokuba banike iingcebiso kootitshala malunga nokukhetha ngokufanelekileyo. UNks V Kohler noNks N Dodgen baya kuba kwezo ndawo zemiboniso yeencwadi ukuze bancede ootitshala. Imihla, amaxesha neendawo zale miboniso zidweliswe ngezantsi apha. Ootitshala bangaya nakweyiphi na iseshoni yomboniso weencwadi abayinqwenelayo.
UMhlaAmaxesha okuhlola iincwadiIndawo yomboniso weencwadi
(Yiya nakweyiphi na iseshoni oyinqwenelayo)
Mon, 11 Sept13:00 – 17:00Sports Hall, next to Cape Teaching Institute (CTI), Nooiensfontein Rd, Kuils River
Tues, 12 Sept13:00 – 17:00Sports Hall, next to Cape Teaching Institute (CTI), Nooiensfontein Rd, Kuils River
Wed, 13 Sept13:00 – 17:00Sports Hall, next to Cape Teaching Institute (CTI), Nooiensfontein Rd, Kuils River
Thurs, 14 Sept13:00 – 17:00Oudtshoorn Teachers’ Centre, Vrede Street
Fri, 15 Sept13:00 – 17:00EMDC, Room 403, George
Mon, 18 Sept13:00 – 17:00Augsburg Landbou Gimnasium, Clanwilliam
Tues, 19 Sept13:00 – 17:00Swartberg Secondary School, 10 Koalisie Street, Caledon 7230
Wed, 20 Sept13:00 – 17:00Worcester East Primary School, Sutherland Street, Worcester

7. Iifom zerikhwizishini ziya kufumaneka kwiindawo zemiboniso yeencwadi. Zonke iirikhwizishini mazisayinwe yinqununu yesikolo. Nangona kunjalo, ootitshala bangeza neleta esayinwe yinqununu yaza yafakwa nesitampu sesikolo, nenika igunya utitshala (ootitshala) ukuba bakhethe iincwadi ezo egameni lesikolo.
8. Apho isikolo singenako ukuthumela ummeli ukuba aye kusikhethela, imiqulu yeencwadi efanelekileyo iya kukhethelwa izikolo kususelwa kwinqanaba lokufunda ebelifunyenwe sisikolo kwiivavanyo zolwazi lokufunda nokubhala zeWCED zeBakala 3 neBakala 6.
9. Zonke iirikhwizishini zale projekthi mazingeniswe ungadlulanga owe-22 Septemba 2006. ISebe iWCED aliyi kuzihlawulela naziphi na iirikhwizishini ezingeniswe emva kwalo mhla.
10. Imiqulu yeencwadi zokufunda iya kuziswa nge-25 Januwari 2007.
11. Nayiphi na imibuzo malunga noMasifunde Maqela Reading Project mayibhekiswe ngqo kuNks Zandile Ntombela kule nombolo yefoni 021 467 9334
12. Uphando lubonisa ukuba kukho iimfuno ezintathu zolwazi lokufunda nokubhala.
(i) Ootitshala abanolwazi abazimiseleyo

(ii) Izibonelelo ezifanelekileyo nezaneleyo ezixhasa ukufunda

(iii) Amathuba awandisiweyo okufunda

Le projekthi ijolise ekunikeni inkxaso kwezi mfuno ngokuthi inike ootitshala uqeqesho nenkxaso, kwanezibonelelo ezongezelelweyo zokunika inkxaso ukufunda ukuze zisetyenziswe ngexesha lokufundisa, ngexesha lokuFunda iHafu yeYure (Reading Halfhour) kwanaxa abafundi besekhaya.

13. ISebe iWCED libulela bonke ootitshala neenqununu abathe basabela ikhwelo lokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda ebantwaneni kwizikolo zethu kwaye linethemba lokuba le projekthi iya kuwenza lula noko umthwalo wabo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:11