1. IsiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala seSebe iWCED siyimpendulo kumanqanaba asezantsi ngokubanzi olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala aye aqatshelwa. Ngokwesi sicwangciso, iSebe iWCED lizimisele ukuthatha iqela lamanyathelo ongenelelo ngoncedo, abandakanya uvavanyo lwabafundi beBakala 3 qho emva konyaka ukujonga amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwiphondo, kwi-EMDC nakuninzi lwezikolo eziziiprayimari. Injongo yokucazululwa kwendlela abaphumelele ngayo abafundi esikolweni kwenzelwa ukuba kunike ootitshala nabasebenzi abanika inkxaso ulwazi lokuqonda ukuba baqhuba njani abafundi kwisikolo ngasinye malunga nokuphuhlisa izakhono zabo zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kunye nokubanika inkxaso efanelekileyo.
2. Iimvavanyo zokuqala ezimbini zeBakala 3 zaqhutywa ngo-2002 nango-2004. Kwasetyenziswa imisebenzi yovavanyo efana ncam kwezo mvavanyo zombini ukuseka umgangatho nokwenzela ukuba kube nokwenziwa uthelekiso lweziphumo oluvokothekileyo. Iziko ledatha lemibuzo ngoku landisiwe ngovimba wemisebenzi yovavanyo efanayo (item bank), ukuze ngoko ke kubekho eminye imisebenzi yovavanyo engaphezulu yomgangatho ofana ncam. ISebe iWCED ke ngoko linako ukukhupha uninzi lwemisebenzi yovavanyo (eqhotyoshelweyo) neya kusetyenziselwa injongo yokuba ootitshala babe nolwazi ngohlobo, ikhontenti nefomathi (format) yemibuzo efakwe kuvavanyo lwephondo. Kwimizekelo yoLwazi lokuBala, imisebenzi yovavanyo efanayo ikhethwe ukususela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 3. Kwimizekelo yoLwazi lokuFunda nokuBhala, imisebenzi eyahlukileyo ithagetha (target) amaBakala ahlukileyo, okuthi ke oko kubonise inkqubela.
3. Injongo yokukhupha le misebenzi AYIKOKUBA ootitshala mabafundise le misebenzi yovavanyo ngokwenza imisebenzi egxininisayo nengangqinelaniyo neemeko ezingqongileyo (de-contextualised, drill type exercises). Le misebenzi yenzelwe ukubonisa ootitshala ukuba iimvavanyo zivavanya iziphumo okufunda zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ngokuthi bahlangabezane ngokupheleleyo nolwazi, iimfundiso ezisisiseko neendlela zokucinga ezikwikharityhulam iphela, kwimeko ekugxininiswa kuyo intsingiselo, ootitshala baya kubanako ukwenza abafundi babo balungele ngokwaneleyo umjikelo olandelayo wovavanyo.
4. Amaziko emfundo nemibutho engekho phantsi kweSebe iWCED ingayisebenzisa le misebenzi, ukuba ngaba ayizi kwenza nzuzo ngayo kwaye icacise gca ukuba iyifumene phi na ngokubhala umvelisi wayo.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu ingxelo ngokuqhubekayo (feedback) evela nakuwuphi na umsebenzisi wale misebenzi (user) yaye inokugqithiselwa kuBacebisi ngezeKharityhulam abaziiNtloko kwii-EMDC okanye kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam.
6. Kwixesha elizayo iimvavanyo ezibhalwa ngabafundi beBakala 6 ziya kufumaneka kwanangesiXhosa.
7. ISebe iWCED linqwenela ukubulela izikolo nootitshala abaya kusebenzisa esi sibonelelo ukuhlangabezana nemingeni yekharityhulam ebalulekileyo nophuhliso. Kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam we-EMDC yakho kwisiGaba seSiseko ukuba ufuna iingcebiso nenkxaso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:11

Kwimizekelo yoLwazi lokuBala  (ubukhulu: 75 KB)
Kwimizekelo yoLwazi lokuFunda  (ubukhulu: 157 KB)