1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhupha nale ngcaciso emfutshane yekharityhulam ingxelo yeMfundo yaBadala yeNqanaba 4, yoVavanyo lwangoJuni 2006. Le ngxelo inengcaciso ngovavanyo olwaluqhubekela ezikolweni, uviwo kunye noqinisekiso lwemigangatho olwenziwa zii-EMDC, nguNdlunkulu, liSebe leMfundo likazwelonke nangu-Umalusi. Kukwakhankanywe kwakhona iinkcukacha-manani ngokumalunga nabathathe inxaxheba, isini, iminyaka yobudala neenkalo zezifundo zeminyaka 2005 no-2006.
2. Iseti yesibini yeengxelo eziqhotyeshelweyo ziingxelo zabamakishi abaziintloko boviwo lukaJuni 2006. Ezi ngxelo ziyafumaneka kuzo zonke iinkalo zezifundo, kodwa azisoloko zifumaneka ngazo zombini iilwimi, isiNgesi nesi-Afrikansi.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala nabafundi abathatha inxaxheba kwiMfundo yaBadala yeNqanaba 4.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).