1. I-Akhawuntingi uHlelo oluPhakamileyo noluPhakathi (Higher and Standard Grades) zizifundo zeMatriki ezisetwa liSebe leMfundo likazwelonke.
2. Ngokungafaniyo neminyaka edlulileyo, imibuzo yephepha lesiNgesi nelesi-Afrikansi iya kuthi, ukususela kowe-2006, iqale eyolunye ulwimi ekuqaleni kwephepha ize eyolunye iqale ekupheleni kwephepha lemibuzo yoviwo. Isebe lemfundo likazwelonke livakalise ukuba kulula ukuba le fomathi isetyenziswe ngabaviwa kwaye iya kuthintela ukuchithwa kwexesha okungeyomfuneko
3. Kuya kubonelelwa ngencwadi yeempendulo zoviwo lwe-Akhawuntingi eyodwa ukususela nge-2006. IsiNgesi nesi-Afrikansi ziya kuqala kumacala omabini ahlukeneyo encwadi.
4. Kucelwa wazise bonke ootitshala be-Akhawuntingi nabaviwa beMatriki okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:05