1. IziNcedisi zokuXhasa ukuFunda nokuFundisa ((Learning and Teaching Support Materials) (LTSM)) mazijongwe njengengxam engundoqo yokuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke ((National Curriculum Statement) (NCS)). Zibalulekile kwinkqubo yokufunda, njengoko zikhuthaza ukuphunyezwa kweziphumo zokufunda kunye nemigangatho yovavanyo kwaye zikukhuthaza ulwazi, ukuqonda, izakhono neemfundiso ezisisiseko (values).
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyakuqonda ukubaluleka kwe-LTSM ekufumaneni imfundo eyiyo kwaye, iCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ngentsebenziswano no-Edulis, liye laqulunqa izintlu zokuncedisa ukufundisa zamaBakala 4 - 9 ngokwezo nkalo zolwazi ezigxininiswa yi-NCS.
3. U-Edulis yinkonzo yelayibrari yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ebonelela mahala ngezi zincedisi zokufundisa ngokuthi ibolekise ngazo.
4. Okuqhotyoshelwe apha zizintlu zezincedisi zokufundisa zika-Edulis ozithunyelelwayo.
Zikwafumaneka nakweli ziko lewebhu lilandelayo
http://curriculum.wcape.school.za/site/124/page/view/
(klikha ku-"Resources")

okanye kwa-Edulis apha

Street address
Kruskal Avenue
Bellville 7530
Postal address
Private Bag X9099
Cape Town 8000
Ifoni: 021 957 9600
Ifeksi: 021 948 0748
I-imeyili: edulis@pgwc.gov.za
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayazifumana ezi zintlu nokuba bayakhuthazwa ukuba bazisebenzise ezi zincedisi zokufundisa zidwelisiweyo ukuqhamisa indlela yabo yokufundisa.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:17

Grade 4 Social Sciences  (ubukhulu: 192 KB)
Grade 5 Social Sciences  (ubukhulu: 133 KB)
Grade 6 Social Sciences  (ubukhulu:   89 KB)
Grade 7 Social Sciences  (ubukhulu: 134 KB)
Grade 8 Social Sciences  (ubukhulu: 115 KB)
Grade 9 Social Sciences  (ubukhulu:   87 KB)