1. Le thayimthebhile iqhotyoshelweyo yeyoviwo luka-Oktobha 2006 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 efike ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. Uviwo luqala nge-11 Oktobha 2006 luze luphele nge-31 Oktobha 2006. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule thayimthebhile.
2. Njengoko bekunjalo kwixesha elidlulileyo, i-EMDC namagosa kaNdlunkulu nabameli baka-UMALUSI baya kubeka iliso kwinkqubo yoviwo.
3. Ukuba uvavanyo luqhutyelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
4. Amaziko makaqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa baqeqeshwe kakuhle ukuze bakwazi ukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
5. Ukwenzela ukusingatha imibandela yezolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko babekho kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni kwaye babekho nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
6. Akukho mntu makavunyelwe ukuba angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo engaqalanga aveze ikhadi lokuzazisa elimgunyazisayo.
7. Bayacelwa kwakhona abaphathi bamaziko ukuba
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa babo ithayimthebhile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amalungiselelo okugqibela oviwo.
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo ukuba bahlalele uvavanyo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
7.3 banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kuvavanyo lwabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:23

ABET Timetable  (ubukhulu: 9 KB)