1. Intshayelelo
1.1 Iinqununu mazijonge le Ngcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0036/2006 malunga nengcaciso ngeMisebenzi yoVavanyo eFanayo (iiCTA).
1.2 NgokweGazethi kaRhulumente 25699 ye-7 Novemba 2003, abafundi kwizikolo zikarhulumente nakwizikolo ezizimeleyo ezenza ikharityhulam yeSebe iWCED nezifundisa iBakala 9 mazigqibe omabini amacandelo, eleCASS neleCTA.
1.3 Ngo-2006, iiCTA ziya kwenziwa kuphela yimisebenzi yohlobo lweCandelo A eya kugqitywa ngethuba elandisiweyo -iiyure ezi-5 kwisifundo ngasinye kwezi: Primary Languages) (LLC), Natural Sciences (NS), Mathematical Literacy, Mathematics and Mathematical Sciences (MLMMS), neeyure ezine kwezinye iinkalo zezifundo. Izikolo ziya kucelwa ukuba zizigqibe iiCTA nglekota yesine.

Ngenxa yezizathu zokulungiselela ukwenziwa kwezinto ngendlela efanayo nangobulungisa, iiCTA mazihlale ziyimfihlo phambi kokuba zibhalwe. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zivumele ootitshala ukuba bazibone iiCTA kwangoko zakuba zifikile, kodwa ziqinisekise ukuba ootitshala baya kukuhlonela ukuba yimfihlo kwala maxwebhu phambi kokuba asetyenziswe.

1.4 NgokweGazethi kaRhulumente 25699 ye-7 Novemba 2003, ukupasa kwabo bonke abafundi kuxhomekeke kwiziphumo zeCASS neeCTA. Zibhaliwe kwigazethi iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwabafundi.
2. Ingcaciso ngokubanzi ngeeCTA:
2.1 Kubalulekile ukukhumbula ukuba imisebenzi mayenziwe ngekota yesine. Makulungiselelwe ukuba indawo ibe yefanele nelungele ukubhalwa kwazo. Izikolo ziya kuzifumana iiCTA kwikota yesithathu.
2.2 Njengoko kungekho thayimthebhile kazwelonke okanye yephondo, ziyacelwa iinqununu ukuba zinike abaphathi beesekethe ithayimthebhile yokubhalwa kweeCTA ezikolweni zazo ekupheleni kwekota yesithathu. Abafundi baya kucelwa ukuba bazenze bazigqibe iiCTA ungadlulanga owe-21 Novemba 2006 ukunika ixesha lokufakwa kwazo kwidatha zizikolo.
3. Ukubhalisela iiCTA
3.1 Kuya kusetyenziswa iinombolo zobhaliso ze-CEMIS ukulungiselela ukusiwa ezikolweni kweeCTA. Ukuba kukho abafundi beBakala 9 esikolweni sakho abangabhalisanga kwi-CEMIS, kucelwa uncede uqinisekise ukuba babhalisiwe ngoko nangoko, kungenjalo isikolo sakho asiyi kufumana iikopi ezaneleyo zeeCTA.
3.2 Imibuzo malunga nokubhalisa abafundi ingabhekiswa kuMnu L van Gensen apha 021 467 2976 okanye nge-imeyili kule dilesi: lvgensen@pgwc.gov.za
3.3 Imibuzo malunga nokusiwa ezikolweni kweeCTA ingabhekiswa kuMnu C Berry apha 021 467 2265 okanye nge-imeyili kule dilesi: cberry@pgwc.gov.za
4. Ukulungiswa kweeCTA apha naphaya

Njengangoku zonke iiCTA ziyalungiswa apha naphaya yikomiti yootitshala (ekhethwe liSebe leMfundo likazwelonke) nabaziingcali zokusingatha izithintelo ekufundeni. ISebe leMfundo likazwelonke liya kuziprinta iiCTA lize lizise kwizikolo ezichaphazelekayo.

5. Ukusiwa kweeCTA ezikolweni
5.1 IiCTA ziya kusiwa ezikolweni ngeebhetshi ezimbini kwikota yesithathu: ibenye kule kota, ukuze enye iziswe kwasekuqaleni kwikota yesine.
5.2 Ziyacelwa izikolo ukuba zizivule iibhokisi zitshekishe iiCTA ngoko nangoko zakuba zifikile ukuqinisekisa ukuba onke amalungiselelo ayimfuneko, afana nokubonelela ngezixhobo ezifanelekileyo okanye izinto ezisetyenziswayo, angenziwa ukulungiselela ukuqhutywa kwale nkqubo ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
5.3 Iimephu zinokuthunyelwa ezikolweni kamva. Izikolo maziqaphele ukuba iimephu ezibonelelweyo mazigcinelwe ukusetyenziselwa ixesha elizayo njengesibonelelo esixhasa ukufunda nokufundisa.
6. Ukufakwa kwengcaciso kwikhompyutha
6.1 Kulo nyaka, zonke izikolo ziya kunikwa iCD enayo yonke ingcaciso nemiyalelo yokufakwa kwedatha yeBakala 9 kwikhompyutha, kwakunye nohlobo lweprogram yekhompyutha eyi-MS Excel version, enceda ekubaleni, ngexesha leentlanganiso zabaququzeleli bovavanyo bee-EMDC ngoSeptemba apho inkqubo iya kuchazwa khona.
6.2 Le fayili text file Gr 9 Excel spreadsheet, mayihanjiswe ngokwemiyalelo enikwe kwiiseshoni zoqeqesho njengoko kutshiwo kumhlathi
6.3 Le nkqubo mayigqitywe phambi kwe-7 Disemba 2006. Okuqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane ngamagama neenkcukacha zoqhagamshelana zabaququzeleli bovavanyo bee-EMDC.
EMDCASSESSMENT CO-ORDINATORE-MAIL ADDRESSTELEPHONE NUMBER
West Coast & WinelandsAletta Lombardalombard@pgwc.gov.za021 860 1223
NorthLudwig Puntlpunt@pgwc.gov.za021 938 3000
EastStephen Lategan/Emily Solomonabetecd3@pgwc.gov.za021 900 7000
SouthKaren Dudleykdudley@pgwc.gov.za021 370 2062
CentralLance Abrahamslaabrahams@pgwc.gov.za021 659 4422
Breede River & OverbergJohn Goliathjgoliath@pgwc.gov.za023 348 4617
South Cape & KarooXoliswa Selanaxselana@pgwc.gov.za044 873 2253

6.4 Izikolo zikwacelwa ukuba zingenise kubaphathi beesekethe bazo ikopi yeerekhodishiti ye-CTA eliphepha (hard copy) xa kungakho naziphi na iingxaki ngaleyo ithunyelwa ngekhompyutha (electronic version).
6.5 Imibuzo ngokunxulumene nokufakwa kwedatha ingabhekiswa ngqo kuMnu Berling okanye kuMnu Henderson apha 021 467 2985.
6.6 Iinqununu maziqaphele ukuba amaphepha ekhompyutha ii-Excel data sheets akathathi indawo yeeshedyuli zokupasa kwabafundi, emazenziwe ngesandla okanye ekhompyutheni ukuze zingeniswe kwikomiti yemiba ngemiba yezemfundo ye-EMDC ngendlela eqhelekileyo.
7. Ishedyuli yokupasa kwabafundi ka-2006 iyafana neka-2005, njengoko zinjalo neenkqubo zokubala amanqaku nokugcinwa kweerekhodi.
8. Ii-EMDC ziya kusingatha inkqubo yokumodareyitha ngokwesicwangciso semihla esipapashiweyo. Zonke iiCTA ezigqityiweyo zaza zavavanywa kwangaphambi kwemihla yokumodareyitha ekwisicwangciso, mazisiwe kwiikomiti zokumodareyitha ezisebenzisanayo.
9. Ziyacelwa izikolo ukuba zivakalise izimvo zazo ngeeCTA ngokuthumela iikhomenti zazo. Ezi khomenti mazisusele kwimibuzo eqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane zingathunyelwa nge-imeyili kulo hevanzyl@pgwc.gov.za okanye ngefeksi kuMrs H van Zyl kule dilesi 021 467 2258. Ziyacelwa izikolo ukuba zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze ootitshala, abafundi nabazali babe nolwazi ngeeCTA eziza kufakwa kwiprogram yekota yesine.
10. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:23

Questions  (ubukhulu: 12 KB)