1. Le Ngcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0071/2006 icacise ukuba kuza kuthunyelwa amaphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo eBakala 10 ekupheleni kuka-Agasti 2006 kuzo zonke izikolo kuzwelonke. Eli lilinge leSebe leMfundo likazwelonke lokuncedisa izikolo ekulungiseleleni iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikazwelonke ngo-2008.
2. Okufakwe kule ngcaciso emfutshane ngamaphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo eBakala 10 njengoko bekuthenjisiwe.
2.1 U-Edumedia uvelise iiCompact Disks (CDs) ezinale mizekelo yaye uya kuzithengisela izikolo ngexabiso leendleko zokuzivelisa. Kwale mizekelo ikho kweli phepha lewebhu leCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kule dilesi yewebhu
      http://curriculum.wcape.school.za/index/n/v/1128
Nasiphi na isikolo esinqwenela ukuthenga ezi CDs masincede siqhagamshelane noNks Roz de Muynk okanye noMnu Alistair Shedden kule nombolo 021 689 9536.
2.2 Iinqununu mazisebenzise uluhlu lokutshekisha olunikiweyo ukujonga ukuba ngaba athunyelwe onke na amaphepha emibuzo yoviwo ayimfuneko kwizikolo zazo.
2.3 Maziqinisekise iinqununu ukuba le mizekelo iyasetyenziswa ngendlela eyiyo ziikomiti zezifundo ukuseta amaphepha emibuzo yoviwo lweBakala 10 esikolo. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe la maphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo njengengamaphepha emibuzo yoviwo lokugqibela.
2.4 Ziyacelwa izikolo ukuba zithumele iikhomenti (comments) malunga namaphepha emibuzo kazwelonke ngefeksi kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam apha 021 467 2620. Oku makwenziwe ngokuthi kusetyenziswe uxwebhu oluneletahedi yesikolo kubhalwe esi sihloko: Grade 10 national exemplar question papers (Amaphepha emibuzo yoviwo kazwelonke angumzekelo eBakala 10).
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenelela ootitshala nabafundi ithuba elihle ngeli xesha livuselela umdla nelingumngeni kwimfundo yaseMzantsi Afrika.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:01

La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).

IFOM YOVAVANYO (comments)  (ubukhulu: 9 KB)