1. Intshayelelo
1.1 Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) lwezifundo ezibhaliswe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ka-2003 luya kubhalwa okokuqala ngo-2008. Ukuncedisa izikolo ekulungiseleleni olu viwo lwangaphandle luyimbali, iSebe leMfundo likazwelonke (DoE) livakalise ukuba licwangcisela ukuxhasa amaBakala 10 no-11 ngo-2006 no-2007 ngokulandelelanayo.
1.2 ISebe leMfundo likazwelonke liqeshe laza laqeqesha iiphaneli zovavanyo (examining panels) ukulungiselela olu viwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008. Ezi phaneli zovavanyo ziya kuseta amaphepha emibuzo ayimizekelo eBakala 10 ngo-2006 naweBakala 11 ngo-2007.

2. IBakala 10
2.1 KwiBakala 10, amanqaku abelwe uvavanyo lwemisebenzi (assessment tasks) apha ekuhambeni konyaka aya kwenza i-25% aze awoviwo lokuphela konyaka abe yi-75% yetotali yamanqaku ewonke. Zonke iiripoti ezithunyelwa kubazali mazibandakanye yonke misebenzi yovavanyo amacandelo eprogram yovavanyo elandela imigaqo (formal programme of assessment) aloo kota, o.k.t. amanqaku epraktikhali, amanqaku eorali, amanqaku eminye imisebenzi eyenziweyo ngokwemigaqo navela kwiimviwo.
2.2 Amaphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo amaBakala 10 aya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo kuzwelonke ekupheleni kuka-Agasti 2006.
2.3 Izikolo mazisebenzise le mizekelo ukuze zikwazi ukukhokela inkqubo yazo yokuseta uviwo lokugqibela lokuphela konyaka ngokohlobo nomgangatho wemibuzo. Mazingaze izikolo zisebenzise le mizekelo njengoviwo lokugqibela lokuphela konyaka. Ii-EMDC ziya kuzibeka esweni izikolo ukuqinisekisa ukuba iimviwo zokuphela konyaka zeBakala 10 zingqinelana nomgangatho nefomathi yala maphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo.
2.4 Ziyacelwa izikolo ukuba zithumele iikhomenti malunga namaphepha emibuzo kazwelonke ngefeksi kuMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam apha 021 467 2620. Ezi khomenti mazingeniswe ngoxwebhu oluneletahedi yesikolo zinesi sihloko: Grade 10 national exemplar question papers (Amaphepha emibuzo kazwelonke angumzekelo eBakala 10).
2.5 Zonke izikolo mazingenise ikopi yeziphumo zazo zokuphela konyaka zeBakala 10 kwii-EMDC zazo ezifanelekileyo ungedlulanga owe-2 Disemba 2006 ukuze zikwazi ukungeniswa kuMnu J Parbhoo kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-6 Disemba 2006. Ifomathi efunwayo iya kunikwa ii-EMDC.

3. IProjekthi eliLinge yeBakala 10
3.1 ISebe leMfundo likazwelonke kwakhona liya kuqhuba ngo-2006 iprojekthi elilinge yeBakala 10 kwizikolo ezikhethiweyo kweli phondo.
3.2 Amaphepha emibuzo awodwa aya kusetwa liSebe leMfundo likazwelonke ukwenzela ezi zikolo kuza kuqhutywa kuzo iprojekthi elilinge yaye kuya kuba luxanduva lwezikolo ukuprintela abafundi bazo la maphepha emibuzo yoviwo.
3.3 Olu viwo lulilinge luya kubhalwa ngoNovemba 2006 ngokungqinelana nethayimtheyibhile eya kukhutshwa liSebe leMfundo likazwelonke.
3.4 Kuphela zizikolo ezikhethiweyo eziya kubhala olu viwo lulilinge kwaye aziyi kuvunywa izicelo ezivela kwizikolo ekungaqhutywa kuzo iprojekthi elilinge zokucela ukubhala olu viwo.
3.5 Amaphepha emibuzo asetyenziswe kuviwo olulilinge aya kunikwa zonke izikolo ekuqaleni kuka-2007.

4. IBakala 11
4.1 Ngo-2007, iSebe leMfundo likazwelonke liya kuqhuba uviwo olupheleleyo lweBakala 11 ngokungqinelana nethayimtheyibhile kazwelonke, njengesandulela (precursor) soviwo lokuphela konyaka lweBakala 12 ngo-2008.
4.2 Iinkcukacha ezingaphezulu zeBakala 11 ziya kunikwa izikolo ekupheleni kowe-2006 ukwenzela ukuba zikwazi ukucwangcisela u-2007 ngokungqinelana noku. Zonke izikolo kulindeleke ukuba zisebenzise ubukhulu bekota yesine ekubhaleni uviwo lukazwelonke. Ngako oko ke kucetyiswa ngamandla ukuba izikolo zingabhali viwo kwikota yesithathu kodwa zilisebenzisele eli xesha ekufundiseni nasekufundeni mpela.
4.3 Zonke izikolo ziya kunikwa amaphepha emibuzo yoviwo phambi kokuba kuqalwe uviwo. Onke amalungiselelo okhuseleko adla ngokwenziwa ukulungiselela ukubhalwa koviwo lwesatifikethi seMatriki aya kusebenza kolu viwo.
4.4 Iimemorandam ziya kuthunyelwa ezikolweni emva kokuba iphepha ngalinye libhaliwe.
4.5 Ootitshala baya kumakisha onke amaphepha eempendulo kazwelonke baze bafake amanqaku abo kwimakhishiti yephondo.
4.6 Ukongeza kumaphepha emibuzo yoviwo, iiphaneli zovavanyo zeSebe leMfundo likazwelonke ziya kuseta amaphepha emibuzo yoviwo ayimizekelo eBakala 11 okuhanjiswa ezikolweni ngoMatshi 2007.

5. Ukusetwa kwamaphepha emibuzo ayimizekelo eBakala 10 namaphepha emibuzo yoviwo kazwelonke eBakala 11 ngo-2006 nango-2007 ngokulandelelanayo kuya kuba yinto yethutyana nje kuphela.

6. Kucelwa wazise bonke ootitshala, abazali nabafundi ngala manyathelo ukuqinisekisa ukuba abafundi balungiselelwe ngokwaneleyo ukuhlangabezana neemfuno zenkqubo yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:23