1. NgoJuni 2006, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lanika iikopi zencwadi yomfundi ebizwa ngokuba yi-Today’s Choices zonke izikolo zemfundo ephakamileyo kwiPhondo leNtshona Koloni.
2. Le ncwadi inika ingcaciso enxulumene nesiPhumo sokuFunda 1 nemigangatho yovavanyo enxulumene naso kwinkalo egxile kwiMpilo-qete yoMntu (Personal Well-being) yesifundo soLwazi ngezoBomi kwiBakala 10 nele-11.
3. Le ncwadi inikwe njengesincedisi sokufunda esongeziweyo, njengoko isifundo soLwazi ngezoBomi isisifundo esitsha kwiCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training) ((FET) Band). Le ncwadi ifanele ukusetyenziswa nezinye izinto zokuncedisa ukufunda, kodwa asiyoncwadi yesifundo enyanzelekileyo ukuba ifundwe (not a compulsory textbook).
4. Iikhosi zoqeqesho kwinkalo egxile kwiMpilo-qete yoMntu zaqhutywa ngeeholide zesikolo ngo-Apreli 2005 nangeeholide zesikolo zikaJanuwari 2006. Ikhosi yeMpilo-qete yoMntu, exhasa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kwisifundo soLwazi ngezoBomi, ifikelele kwikhontenti echaphazela le nkalo kugxilwe kuyo. Izikolo zanikwa i-CD-ROM, ividiyokhasethi, isikhokelo sikatitshala nencwadi yomfundi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala beBakala 10 besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:06