1. ISebe leMfundo likazwelonke, libambisene ne-South African History Online, licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-National Schools’ Oral History Competition, i-Nkosi Albert Luthuli Young Historians’ Award eqalwe ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yentatho-nxaxheba yeSebe leMfundo kwizikhumbuzo zeziganeko zembali ezibalulekileyo.
2. Oku kukwayinxalenye yephulo elisoloko liqhutywa leSebe leMfundo lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bayiqonde imbali ebanzi yaseMzantsi Afrika nokuqhama kwembali yeendawo abahlala kuzo. Ikwalithuba kwakhona kubafundi abaselula lokufumana amava okuphuhlisa izakhono zophando ezibalulekileyo.
3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukususela kwiBakala 8 ukuya kwiBakala 12 nakubo bonke ootitshala bezikolo ezizisekondari.

4. Ukhuphiswano lwaBafundi
4.1 Kufuneka abafundi benze uphando bacwangcise ingcaciso-ntetho (presentation) okanye ifilim yembali (documentary film) okanye ividiyo ngezinye zezi zihloko zilandelayo:

Obhinqileyo (nokuba ngumzali, utitshala okanye omnye umntu ongumhlali kuloo ndawo) oye wadlala indima ebalulekileyo kumbutho wabafazi olwela umasilingane

okanye

Umntu othile/abantu abathile abahlala kuloo ndawo abathatha inxaxheba kuVukelo loLutsha ngo-1976

okanye

Umntu owaba negalelo lokutshintsha uluntu lwendawo abahlala kuyo


4.2 Kucelwa niqaphele oku kulandelayo:
  • Iprojekthi leyo mayisekelwe kuphando lwembali yomlomo.

  • Abafundi mabancediswe ekukhetheni kwabo abantu abaza kuba nodliwano-ndlebe nabo. Abafundi bafanele ukuba bakhokelwe kakhulu ekukhetheni umntu osuka (abantu abasuka) kwindawo abahlala kuyo.

  • Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando, endaweni yokuba kujongwe uhlobo elulo ingcaciso-ntetho (presentation).

  • Ingcaciso-ntetho ingenziwa ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.

5. Ukhuphiswano looTitshala
5.1 Ootitshala bezikolo ezizisekondari abangenela ukhuphiswano baya kucelwa ukuba bangenise isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise ngayo ukuba baza kuyilungiselela kanjani iprojekthi yembali yomlomo eklasini.
5.2 Kuya kufuneka ootitshala benze ingcaciso-ntetho ngeephothifoliyo zabo kwiphaneli yabagwebi kwaye mabalungiselele loo ngxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo.
5.3 Ootitshala mababandakanye oku kulandelayo kwiphothifoliyo yokhuphiswano:
  • Yaxelelwa kanjani iklasi ngokwenziwa kweprojekthi yembali yomlomo.

  • Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha nokuthetha nabo bangathi babuzwe imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela nokuqhuba udliwano-ndlebe nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu.

  • Loluphi ungenelelo olwenziwa ngutitshala ukuncedisa abafundi ukuba bayigqibe le projekthi.

  • Oko utitshala acinga ukuba abafundi bakuzuza ekwenzeni kwabo uphando ngembali yomlomo.

6. Inkqubo yokugweba
6.1 Inkqubo yokugweba iya kwenziwa kwiphondo ngo-Agasti/Septemba 2006 nakuzwelonke ngoSeptemba/Oktobha 2006 kwisiganeko sikazwelonke.
6.2 Kuya kukhethwa iiphaneli zabagwebi ezibandakanya oosombali (historians) nabaqeshwa bezenkcubeko elilifa lethu (heritage workers) ukuba ngabagwebi kwiphondo nakuzwelonke.

7. IsiGaneko sikaZwelonke
7.1 Kuya kukhethwa abafundi abalishumi kwizikolo ezizisekondari kuwo onke amaphondo ngenjeeNkosi Albert Luthuli Young Historians ukuba bamele iphondo ngalinye kwisiganeko sikazwelonke kwiYunivesithi yaseFort Hare ngoSeptemba/ Oktobha 2006. Abafundi baya kulindeleka ukuba benze ingcaciso-ntetho yomlomo ngophando lwabo kwaye kufuneka babe nekopi ebhaliweyo (hard copy) yesincoko esingophando lwabo yabagwebi.
7.2 Kuya kukhethwa kwiphondo ngalinye ootitshala ababini ukuba baye kwisiganeko sikazwelonke kwiYunivesithi yaseFort Hare ngoSeptemba 2006. Kuya kulindeleka ukuba abo titshala babonise iphaneli yabagwebi izicwangciso zomsebenzi wabo

8. Kuqhotyoshelwe apha iikhrayitheriya zokugweba umsebenzi wabafundi.
9. Ukuba unqwenela ukungenela olu khuphiswano, kucelwa uzalise ifom yobhaliso uze uyithumele ngefeksi okanye nge-imeyili kuMcebisi ngezeKharityhulam yezeMbali kwi-FET okwi-EMDC yakho noya kukunika ingcaciso engaphezulu ngenkqubo yokugweba.


ISAYINWE: NGU-T. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:01

iikhrayitheriya  (ubukhulu: 30 KB)
ifom yobhaliso  (ubukhulu: 6 KB)