1. Izikolo ngezikolo zephondo laseNtshona Koloni zithathe inxaxheba kumakhuphiswano omculo kazwelonke nawamazwe ngamazwe ngethuba leeholide zikaJuni/Julayi.

2. Amakhuphiswano kaZwelonke

Izikolo ezilishumi elinethoba zaseNtshona Koloni ziye zathatha inxaxheba kwi-South African Schools’ Choral Eidsteddfod (eyayisaziwa ngaphambili ngokuba yiTirisano Schools’ Choral Eisteddfod) ebibanjelwe eRandburg. Lo mnyhadala wokhuphiswano lomculo (eisteddfod) sesona siganeko sikhulu sezomculo esiququzelelwa liSebe leMfundo likazwelonke.

Esi siganeko kwakhona sibeyinxalenye yemibhiyozo yesikhumbuzo seminyaka engama-30 sezidube-dube zaseSoweto zangoJuni 1976 kunye nezinye iziganeko zesizwe ezibalulekileyo ezimbalini.

Izikolo zaseNtshona Koloni ziye zatshatshela kuninzi lwala macandelo olu khuphiswano, zaphuma phambili kumahlelo amahlanu zaza zaphuma kwindawo yesibini kantandathu nakwindawo yesithathu kahlanu.


2.1 Iikwayala zesiGaba esiPhakathi
De Vrije Zee Prim: Kwindawo yokuqala: Kwingoma yokuzikhethela
Isikhokelo Prim:   Kwindawo yesithathu: Kweyesi-Afrikansi
Soyisile Prim:     Kwindawo yokuqala: Kwingoma yesiNtu (yaseAfrika)
Siyazingisa Prim:  Kwindawo yesibini: Kwi-Mixed Double Quartet
2.2 Iikwayara zesiGaba esiPhakamileyo
Lwandle Prim:       Kwindawo yesibini: KweyesiNgesi
Sakumlandela Prim:  Kwindawo yesibini: Kwingoma yesiNtu (yaseAfrika)
Hlengisa Prim:      Kwindawo yesithathu: KwiKwayara yaMantombazana
2.3 IZikolo/iiKholeji zeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo
Fezeka Sec:        Kwindawo yokuqala: KwiKwayara yaMakhwenkwe
Luhlaza Sec:       Kwindawo yokuqala: KwiKwayara yaMantombazana
                   Kwindawo yesibini: Kumaqelana amancinane omculo 
                   Kwindawo yesithathu: Mezzo Soprano Solo
Simons Estes Sec:  Kwindawo yokuqala: Baritone Solo
Sithembele Matiso: Kwindawo yesibini: Kwingoma yesiNtu (yaseAfrika)
                   Kwindawo yesibini: Kwange-HIV/AIDS
Joe Slovo Sec:     Kwindawo yesithathu: Kweyesi-Afrikansi
ManzomthomboSec:   Kwindawo yesithathu: KweyesiNgesi

3. Amakhuphiswano amazwe ngamazwe

Zibini izikolo zaseNtshona Koloni eziye zathatha inxaxheba kumakhuphiswano omculo amazwe ngamazwe:

3.1 Ikwayala yase-Stellenberg High School Girls’ iye yathatha inxaxheba kukhuphiswano lwamazwe ngamazwe lweLlangollen Musical Eisteddfod eWales yaza yaphumelela kula macandelo mabini:
KwiiKwayara zoLutsha
KwiiKwayara zaBabhinqileyo

Kumjikelo wokugqibela, apho iikwayara ezintlanu eziphambili ziye zakhuphisana khona, ikwayara yesi sikolo ibe yeyona iphuma phambili kolu khuphiswano, yazuza indebe eyindumasi iPavarotti Trophy nentshinga eyi-Choir of the World.

3.2 Ikwayala yaseTygerberg High School ithathe inxaxheba kwi-35th International Youth Music Competition eVienna yaze yazuza ibhaso lesibini kolu khuphiswano.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livuyisana nootitshala nabafundi ngale mpumelelo kwaye liyababulela ngegalelo labo kumgangatho ophakamileyo womculo weekwayara ezikolweni zethu.

5. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:25