1. ISetyhula 0066/2005 kaNovemba 2005 neeNgcaciso eziMfutshane zeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam DCD/0013/2006 kaFebhuwari no-DCD/0033/2006 kaMatshi zibhekiselele kwiikhosi zoqeqesho loqhelwaniso nezifundo zeNCS oluza kwenzelwa ootitshala bamaBakala 8 no-9.
2. Ootitshala abaninzi babekho kwezi khosi ukususela kwi-10 ukuya kwi-14 Julayi 2006, kodwa njengoko kwakutshiwo ngaphambili, ezi khosi ziya kuphindwa kwiinkalo zezifundo ezisibhozo ngoSeptemba 2006. Ezi khosi zilungiselelwe ootitshala bamaBakala 8 no-9 abafundisa inkalo yesifundo yesibini.
3. Ngo-Apreli izikolo zabhalisa ootitshala ukulungiselela iikhosi zikaJulayi nezikaSeptemba. Ziyacelwa iinqununu ukuba zingqine (confirm) ubhaliso lootitshala kwiikhosi zoqeqesho lwangoSeptemba ngokuthi zizalise ze zingenise uluhlu oluqhotyoshelweyo. Kucelwa niqaphele ukuba ootitshala bayacelwa ukuba balusayine olu luhlu.
4. Liqela ootitshala ababebhalisele iikhosi zangoJulayi abangazange beze kuzo. Oku kwabanesiphumo senkcitho engenaziqhamo kwiWCED njengoko kwaprintwa amaxwebhu okuncedisa ukulungiselela ootitshala, kwaqeshwa iindawo ezifanelekileyo zokuqhuba iikhosi, kwa-odolwa ukutya njl.njl. Kwakutshiwo ukuba ootitshala ababebhalisile kodwa abeza kuya kufuneka bahlawule iindleko zoqeqesho. Nakuba kunjalo, ngokubhekiselele kuqeqesho olulungiselelwe uSeptemba, kunikwa ithuba abo titshala babebhalisele uJulayi kodwa abeza, ukuba batshintshele kwikhosi kaSeptemba. Qaphela ukuba akunakubonelelwa amanye amathuba kootitshala ukuba beze njengoko bebhalisile. Kucelwa ootitshala abanqwenela ukutshintshelwa kuSeptemba ukuba bafake amagama abo kwifom yobhaliso eqhotyoshelweyo.
5. Ngokubhekiselele kwinkxalabo ekhoyo ngoku yokuba abafundi beBakala 10 abalilungiselelwanga ngokwaneleyo iBakala 10, bayacetyiswa ngamandla ootitshala abangakhange beze kwikhosi yoqhelwaniso nezifundo ukuba babekho kule khosi. Uqeqesho loqhelwaniso nezifundo luya kuqhutywa ukususela kwi-26 ukuya kwi-29 Septemba 2006.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) zize ziyifeksele okanye ziyithumele nge-imeyili kwi-EMDC ungagqithanga owe-18 Agasti 2006. Xa ithunyelwa nge-imeyili, kucelwa usebenzise esi sihloko silandelayo: Grade 8 & 9 NCS Orientation. Annexure A: Grade 8 & 9 September 2006.
7. Imibuzo malunga neekhosi zoqeqesho ingathunyelwa kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko kwi-EMDC echaphazelekayo, okanye kuMnu Jerome Gordon kwaNdlunkulu kule nombolo yefoni 021 467 2566 okanye kule dilesi ye-imeyili jegordon@pgwc.gov.za
8. IsiHlomelo C sineenkcukacha zoqhagamshelwano zee-EMDC.
9. IsiHlomelo B esiqhotyoshelweyo sinoluhlu lweendawo zezi khosi zeNCS kumaBakala 8 no-9 kwi-EMDC nganye.
10. Iinqununu ziyakhunjuzwa ngoku kulandelayo:
  • Iprogram yenzelwe kanye ngqo ukubonelela iimfuno zootitshala bamaBakala 8 no-9 ukuze baphumeze i-NCS kumaBakala 8 no-9 ngo-2007.

  • Kuphela ngabo titshala bamagama abo avelayo kwifom yobhaliso engenisiweyo (isiHlomelo A) abaya kulungiselelwa ngokunxulumene namaxwebhu neziphungo.

  • Kucelwa uqaphela ukuba bonke oomasifundisane baya kuqala ngo-08:00 baphele ngo-16:00 yonke imihla ngaphandle kwangoLwesihlanu, kuba kuya kuvalwa ngo-12:00.

  • Kuya kubakho iziphungo.

  • Amabango eendleko zohambo abo titshala bahlawulwa liSebe iWCED makazaliswe ngokupheleleyo kumasifundisane.

  • Abathathi-nxaxheba bayacelwa ukuba beze namaxwebhu achazwe kumhlathi 12 kwakunye nosiba nephepha lokubhala.

11. Izatifikethi zokubakho kule khosi ziya kukhutshwa ngokufanelekileyo kwabo titshala bathe
  • beza nobungqina beenombolo zabo zePesali (abaqeshwa beWCED) okanye iinombolo zabo zezazisi (abaqeshwe ziiSGB), ngokuthi beze nefotokopi yesiliphu somvuzo okanye yesazisi (ID); kwaye

  • bakho ngethuba lonke lokuqhuba kwekhosi de iye esiphelweni baza basayina irejista yokubakho ekhosini yonke imihla.

12. Ukuze bazuze lukhulu ngokugqithisileyo kulo masifundisane, bayabongozwa ngokwenene ootitshala ukuba bancede bafunde la maxwebhu alandelayo kwaphambi komasifundisane:
  • Overview of the Revised National Curriculum Statement (Umgaqo-nkqubo);

  • Learning Area Statement (Umgaqo-nkqubo) ukulungiselela iprogram yokufunda abaza kuyiqulunqa

  • The Teacher’s Guide for the Development of Learning Programmes ukulungiselela iprogram yokufunda abaza kuyiqulunqa kwaye

Ootitshala mabeze nawo la maxwebhu kwiikhosi zikaSeptemba.

13. Ii-EMDC ziya kwazisa izikolo ngeendawo ootitshala bazo amabaye kuzo.
14. Siyanibulela ngenkxaso nangentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:03

Ishihlomelo A  (ubukhulu: 22 KB)
Ishihlomelo B  (ubukhulu: 21 KB)
Ishihlomelo C  (ubukhulu: 14 KB)