Umhla: 6 ne-7 Oktobha 2006
Indawo: Cape Teaching Institute Nooiensfontein, Kuils River
Amaxesha: 6 Oktobha 2006 15:00 - 19:00
7 Oktobha: 08:30 - 13:30
Ngubani omakaye: Ngootitshala beMathematika bamaBakala R - 9

1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni limema ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics Solutions Conference) ngokuthi babe ngabenzi ngcaciso-ntetho (presenters) okanye ngabathathi-nxaxheba. Oku kungqina imbalelwano eyakhutshwa ngoJuni 2006 liCandelwana loPhuhliso lwaBasebenzi (Human Resource Development Subdirectorate): Cape Teaching Institute, libambisene neCandelo loPhuhliso leKharityhulam.
2. Injongo

Injongo yale nkomfa yemathematika kukunika imizekelo yeendlela imathematika enokufundiswa ngayo ngempumelelo.

3. Ingcaciso eyenzelwe aBenzi ngcaciso-ntetho (Presenters)
3.1 Ootitshala abanomdla ekunikeni isifundo semathematika okanye “eyona ndlela ibhetele yokufundisa” (“best practice”) kule nkomfa kufuneka bakhokelwe koku kulandelayo:
  • Isifundo okanye iseshoni ethi “Ndiyifundisa njani” mayisusele kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yeMathematika yamaBakala R - 9.

  • Isifundo eso sifanele ukufundisa ngomba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.

  • Abeze enkomfeni kufuneka bathathe inxaxheba kwingcaciso-ntetho okanye kwisifundo eso.

  • Ubude bexesha: ngama-40 emizuzu. Nika imizuzu emi-5 - 10 ukulungiselela ingxoxo yamaqela okanye imibuzo.

  • Iindawo zokuqhubela inkomfa ziya kuba neetafile ezizimeleyo kunye nezitulo, i-ovahedi projektha kunye nebhodi yokubhala.

  • Zonke iiwekhishithi (worksheets) ziya kuprintwa zibe ngumqulu owodwa wezinto ebeziqhubeka kwinkomfa. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba umenzi ngcaciso-ntetho eze nezinye iikopi zokongeza zezinto zokufunda, ngaphandle kokuba kuya kufuneka abathathi-nxaxheba basike, bagobe, njl.njl. amaphepha okufunda eewekhishithi.

  • Zonke izinto zokufunda zimelwe kukuchwethezwa ziprintwe kwiprinta eyi-laser, ukuba kunokwenzeka oku. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kudyuplikheyitha izinto zokufunda.

3.2 Ukuba unomdla wokwenza ingcaciso-ntetho ngokuthile nge-6 ne-7 Oktobha, kucelwa uzalise iSihlomelo A uze usifeksele kuMnu Lamprecht kule nombolo yefeksi 021 900 5175 okanye 021 900 5162, okanye umthumelele nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za ungadlulanga owe-31 Agasti 2006.
4. Iinkcukacha zaBathathi-nxaxheba
4.1 Ootitshala abanganqweneli kwenza ngcaciso-ntetho ngomsebenzi wabo, kodwa benqwenela ukuya kule nkomfa, bayacelwa bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwezikolo kwiSihlomelo B.
4.2 Buyisela iSihlomelo B kuMnu A. Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za, okanye usifeksele kuJackie Bokveldt kule nombolo yefeksi 021 900 5175 ungadlulanga owe-1 Septemba 2006. Eli lixesha elandisiweyo kumhla wokuvala obunikwe kwimbalelwano yokuqala eyayithunyelwe ezikolweni yiCape Teaching Institute. Akukho mfuneko yokuba ootitshala abali-100 abasebebhalisile ukuphendula imbalelwano yokuqala baphinde babhalise kwakhona.
4.3 Le program iya kubandakanya iingxoxo ngabo bonke abezileyo neeseshoni ezihamba nazo ezenziwe ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ngowe-15 Septemba 2006.
5. Amalungiselelo

Abathathi-nxaxheba okanye abenzi ngcaciso-ntetho abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ukuya nokubuya bangalala kwihostele yeCape Teaching Institute ngoLwesihlanu, we-6 Oktobha. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kubonelela ngendawo yokulala. Iindleko zohambo aziyi kuhlawulwa liSebe leMfundo iWCED.

6. Eli Sebe leMfundo linethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava ekuya kuzuzwa lukhulu kuwo nabangela umdla omkhulu kubo bonke ootitshala beMathematika abezileyo kuyo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:18

Isihlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 9 KB)