1. Isetyhula 0005/2006 yacacisa ukuba iprogram nezifundo ze-N1 - N3 zeekholeji zeFET ziza kupheliswa ekupheleni kuka-2006.
2. UMphathiswa weMfundo ukuvumile ukunikwa kwezi zatifikethi ii-National Certificates (Vocational) kumanqanaba eNQF2, NQF3 no-NQF4 esiKhokelo seziQinisekiso sikaZwelonke (National Qualifications Framework). La mabanga emfundo afundiswa ziikholeji zeFET.
3. Ngokwamalungiselelo enguqu enziweyo okuphunyezwa kwezi zatifikethi zitsha ii-National Certificates (Vocational), iSebe leMfundo lithe kwiSetyhula S4 ka-2006 abaviwa abangakhange baphumelele abenza iiprogram okanye izifundo ze-N1-N3, baya kunikwa ithuba lokuba baphinde bazibhale ezi program okanye ezi zifundo ngo-Agasti 2008. Oku kuchaphazela abafundi beekholeji zeFET.
4. Abafundi abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa okanye abakuwo nawaphi na amanye amaziko afundisa iMatriki apho kuhlanganiswe iMatriki nezifundo ze-N3, babandakanyiwe nabo kula malungiselelo enguqu achazwe apha ngasentla. Ngako oko ke iinqununu nootitshala mabaqaphele ukuba ukufundiswa kwezifundo ze-N3 kuya kupheliswa ngo-Agasti 2008, ingenguye u-2006 njengoko bekukhe kwatshiwo ngaphambili. Ngoko ke kufuneka benze izicwangciso eziyimfuneko zokwenza abafundi bazi ngethuba abalinikiweyo.
5. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke ootitshala nabafundi bayaziswa ngala malungiselelo enguqu enziweyo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:01