1. ISifundo ngezoBomi, sisifundo esingundoqo esifundiswayo kwizifundo zeFET nesiya kufundiswa bonke abafundi kumaBakala 10 - 12, sineenkalo ezine ekugxininiswa zona, ekuzezi, IMpilo Qete yoMntu (Personal Well-being), IMfundo ngoBumi beLizwe (Citizenship Education), UkuZonwabisa neMisebenzi eYenziwayo (Recreation and Physical Activity), namaKhondo oMsebenzi nokuKhetha amaKhondo oMsebenzi (Careers and Career Choices).
2. Iikhosi zoqeqesho ngokuqulethwe siSiphumo soKufunda 1 (Learning Outcome 1) (Personal Well-being) zaqhutywa ngoMatshi no-Apreli ngo-2005 nangethuba leeholide zesikolo ngoJanuwari 2006.
3. Zonke izikolo, nokuba ngaba ootitshala bazo baya kwiikhosi zoqeqesho okanye akunjalo, ziyifumene incwadi yokusetyenziswa ngutitshala (educator’s manual), incwadi yomfundi (learner’s book), i-CD ROM nekhasethi yevidiyo enezinto ezazifundiswa kule khosi ngokuqulethwe siSiphumo soKufunda 1 (Learning Outcome 1) (Personal Well-being).
4. Idatha eqokelelwe kwiiseshoni zoqeqesho ibonisa ukuba kukho iqela lezikolo elingazange liye nakweyiphi na iseshoni yoqeqesho kwezi zixeliweyo.
5. ISebe iWCED ke ngoko, ligqibe ekubeni lenze enye iseshoni yoqeqesho ngeMpilo Qete yoMntu (Personal Well-being) kwisithili ngasinye se-EMDC. Imihla namaxesha ezi seshoni zoqeqesho iya kulungiselelwa ngabaqeqeshi abaziintloko kwi-EMDC nganye.
6. I-EMDC iya kwazisa izikolo ngemihla yoqeqesho ize isingathe ukubhalisela ezi seshoni zoqeqesho.
7. Ootitshala ababini beSifundo ngezoBomi bamaBakala 10-12 besikolo ngasinye abanga-zange baqeqeshwe kwesi siphumo sokufunda, bangeza kwezi seshoni zoqeqesho.
8. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zabo zehambo. Abo banenjongo yokwenza amabango mabeze nale ngcaciso ilandelayo kwikhosi:
  • Inombolo yePesali

  • Ubukhulu benjini yesithuthi asisebenzisileyo kunye nonyaka wokwakhiwa kwaso

  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka kwisikolo sabo ukuya kwindawo enekhosi

9. Ootitshala abavela kwii-EMDC zasemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele ngokwabo amalungiselelo oku. Kucetyiswa indawo yokulala efanelekileyo enesidlo sakusasa. Aba titshala mabangenise amabango eendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bahambe ngomhla wokugqibela wekhosi.
10. Nceda uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam weSifundo ngezoBomi okwi-EMDC ekwingingqi yakho ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu.
11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala beSifundo ngez oBomi ezikolweni zabo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:21