1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lazisiwe ukuba iSebe leMfundo likaZwelonke liya kuqhuba oomasifundisane boqeqesho abongezelelweyo ukulungiselela onke amasebe emfundo amaphondo kwezi zifundo zingentla ngethuba leeholide zesikolo zikaSeptemba noJanuwari nabaya kugxininisa kakhulu kwikharityhulam.
2. Olu qeqesho aluyi kuthatha indawo yoomasifundisane abasele becwangciselwe uJuni/Julayi.
3. INtloko yezeMfundo ikuvumile ukuqeqeshwa kootitshala kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla. Kucelwa nithathele ingqalelo le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo malunga nolu qeqesho:
  • Uqeqesho lootitshala be-Electrical and Mechanical Technology luya kuqhubeka ngoSeptemba.

  • Ngenxa yamanani kwezinye izifundo ezibini, kuphela iya kuba zizikolo ekugxilwe kuzo (focus schools) nootitshala abakhokelayo be-Civil Technology ne-Engineering Graphics and Design abaya kufumana uqeqesho ngoSeptemba ukuze abaseleyo baqeqeshwe ngoJanuwari 2007.

Imihla yoqeqesho: 26 - 30 Septemba & 8 - 12 Januwari 2007
Indawo: Khangela kwisiHlomelo A
Ixesha: 08:00 - 17:00 kusuku ngalunye
4. Ootitshala abeze kulo masifundisane mababhalise kwaNdlunkulu. Ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) mayingeniswe kuMnu J. Randewijk kule dilesi ye-imeyili jrandewijk@pgwc.gov.za okanye mayithunyelwe kule nombolo yefeksi 021 467 2258, ungagqithanga owe-31 Agasti 2006. Nazi iinombolo zakhe zefoni 021 467 2564/2585.
5. Ootitshala abangabhalisiyo abayi kuvunyelwa ukuba beze kulo masifundisane ngenxa yezizathu zokuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo.
6. Iimfuno zikamasifundisane

Bayacelwa ootitshala ukuba beze nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo nezikhokelo kumasifundisane woqhelwaniso nezifundo, nasele ethunyelwe ezikolweni:

  • National curriculum subject statements

  • Learning programme guidelines

  • Subject assessment guidelines

  • National Protocol on Assessment

  • Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10 - 12

  • New textbooks or other relevant subject material

7. Ootitshala abeza kulo masifundisane nokwindawo esembindini nefikelelekayo kumntu wonke, mabazenzele ngokwabo amalungiselelo ohambo, naya kuthi axhaswe ngemali yi-WCED. Naziphi na ezinye iindleko ezenziwe ngootitshala, abayi kubuyiselwa mali ngazo yi-WCED.
7.1 Ootitshala abanqwenela ukwenza amabango eendleko ngokusebenzisa izithuthi zabo mabeze noku kulandelayo kumasifundisane:
  • Inombolo yePesali yakhe

  • Iinkcukacha zenombolo yobhaliso yesithuthi nesayizi ye-injini yesithuthi asisebenzisileyo

  • Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki yakhe

7.2 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zeebhasi noololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kumabango abo. Apho ootitshala basebenzise iikhombi (mini-buses), amabango makahambe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye neleta evela kwinqununu yesikolo, engqina inkcitho eyenziweyo. Utitshala ngamnye makangenise ibango elingqiniweyo elahlukileyo.
8. Iinqununu ziyacelwa ukuba:
  • ziwubambe umhla wokungeniswa kweefom zobhaliso oyi-31 ku Agasti 2006,

  • ziqinisekise ukuba ootitshala bahamba ngqo ngokweemfuno zikamasifundisane, kwaye

  • zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala bamaBakala 10 - 2 abafundisa ezi zifundo zobugcisa.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:22

isiHlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 60 KB)