1. ISebe leMfundo likazwelonke lizinikele ekuthatheni inxaxheba ekuququzeleleni isikhumbuzo sikazwelonke seziganeko zezembali ezibalulekileyo ezikolweni ngo-2006. Umxholo kazwelonke ovunyiweyo yikomiti yabaphathiswa bamasebe ngamasebe (inter-ministerial committee) wombhiyozo walo nyaka uthi: “Ixesha lethemba - Ukusuka eMzabalazweni ukusinga eNkululekweni”.
2. Zonke izikolo ziyakhuthazwa ukuba zithathe inxaxheba ngo-2006 kwizikhumbuzo zeziganeko zezembali ezibalulekileyo, ngelixa ziqhubela phambili ngokuhlonipha iintsuku zaseMzantsi Afrika zikazwelonke kunye neentsuku ezibalulekileyo zamazwe ngamazwe. ISebe leMfundo linethemba lokuba izikolo nootitshala baya kuzinikela kwiimfundiso ezisisiseko sezentlalo (values) zoMgaqo-siseko ngokulungiselela imisebenzi yoko yonyaka wonke eya kubalula ukuzinikela njengedini kwabantu baseMzantsi Afrika emzabalazweni wokulwela inkululeko.
3. Eli phulo linika abantu baseMzantsi Afrika ithuba lokubhiyoza baze ngaxeshanye baphicothe, ngeendlela ezakhuleneyo inkqubela thina njengesizwe esesiyenzile ukwakha uMzantsi Afrika ongcono nomanyene ngakumbi kwanokuqinisa idemokhrasi yethu. Eli lixesha lokujonga emva apho sivela khona noko sesikwenzile, kunye nokujonga phambili ekumiseleni iinjongo esithi thina sisisizwe nathi ngabanye ngabanye sinqwenele ukuziphumeza kwixesha elizayo.
4. Ezona ziganeko zezembali ziphambili zezi zilandelayo:
4.1 Isikhumbuzo sekhulu leminyaka soVukelo lwerhafu i-Anti-Poll Tax (uVukelo lukaBhambatha) ngo-Apreli 1906 (The centenary of the Anti-Poll Tax Uprising (Bhambatha Rebellion). Ukuhlawuliswa kwerhafu kuwo onke amadoda kwindawo eyayisaziwa njengeNatala kwakuchasiwe ngabantu abaninzi abamnyama abahlwempuzekileyo njengoko kwakubeka umthwalo onzima phezu kwabo. Irhafu i-Poll Tax yayiziinzame zokunyanzela abalimi abamnyama ukuba bayeke ukuxhomekeka kulimo koko bayokufuna ingqesho. Ngethuba lovukelo, kwatshiswa iilali, iinkosi zabhukuqwa okanye zabanjwa baze abaninzi babulawa, kwakunye noNkosi uBhambatha. Olu vukelo lokuchasa umbuso wamakoloniyali lwalusilwa nengcinezelo, yaba luvukelo lokugqibela lwezigalo olwalusenziwa ngabantsundu kwade kwabe kuqaliswa umzabalazo wezigalo owawusilwa nocalucalulo nguMkhonto weSizwe phantse kwiminyaka engama-50 emva koko.
4.2 Isikhumbuzo sonyaka weshumi soKwamkelwa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika nge-8 Meyi 1996 (The tenth anniversary of the Adoption of the Constitution of the Republic of South Africa on 8 May 1996). Oku kuphawula iziganeko neenkqubo ezaye zakhokelela kumgaqo-siseko wedemokhrasi wokuqala waseMzantsi Afrika - umgaqo-siseko onika amalungelo noxanduva kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika noseka iziseko zomthetho zoluntu oluxhamla intlalo yedemokhrasi.
4.3 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu oVukelo loLutsha lwaseSoweto nge-16 Juni 1976 lokuchasa iMfundo yaBantsundu (The thirtieth anniversary of the Soweto Youth Uprising on 16 June 1976 against Bantu Education). UMzantsi Afrika uphawula isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu ukhumbula ukuzenza idini kwabo bonke abo baye benza uvukelo ngoJuni 1976 nakwiinyanga kunye neminyaka eyalandelayo emva koko kumzabalazo wedemokhrasi.
4.4 IsiKhumbuzo samashumi amahlanu eminyaka soMngcelele waMakhosikazi owawusiya kwiZakhiwo zoRhulumente woMdibaniso nge-9 Agasti 1956 (The fiftieth Anniversary of the Women’s March to the Union Buildings on 9 August 1956). USuku lwaMakhosikazi lukaZwelonke lwenzelwe ukukhumbula usuku apho ama-20 000 amakhosikazi ayekhalazela ukunatyiselwa kwemithetho yamapasi kumakhosikazi amnyama. Ngowe-9 Agasti 1956, amakhosikazi aseMzantsi Afrika azo zonke iintlanga enza umngcelele owawusiya kwiZakhiwo zoRhulumente woMdibaniso (Union Buildings) ePitoli ukuya kunikezela ngamawaka-waka amaxwebhu ezikhalazo (petitions) kowayesakuba yiNkulumbuso, u-JG Strijdom.
4.5 IsiKhumbuzo samashumi amathandathu soGwayimbo lwaBasebenzi basemgodini ngo-Agasti 1946 (The sixtieth Anniversary of the Mineworkers’ Strike of August 1946) sisiganeko apho amawaka-waka abasebenzi abamnyama baseWitwatersrand aye agwayimbela imivuzo engcono. Urhulumente walunyathela ngeenyawo olo gwayimbo ngokungenalusini nto leyo eyakhokelela ekufeni okanye ekwenzakaleni kwabasebenzi-mgodini abaninzi nokubanjwa kweenkokeli. Ukukhunjulwa kwesi siganeko kubalula indima ephambili abathi abasebenzi bayidlala nokuzenza idini kwabo bezabalazela amalungelo edemokhrasi eMzantsi Afrika.
4.6 Isikhumbuzo seminyaka elikhulu sokuqaliswa kweSatyagraha (The centenary of the beginning of Satyagraha, Mahatma Gandhi’s passive resistance campaign). ISatyagraha, okanye iphulo lokungathobeli ungasebenzisi zigalo, yaqalwa nguMahatma Gandhi njengendlela yokungathobeli ungasebenzisi zigalo (passive resistance). Olu hlobo lokuzabalaza lokungasebenzisi zigalo lokuchasa ingcinezelo eyayisiya ikhula ngokukhula lwamkelwa ngamaNdiya aseMzantsi Afrika. Olu hlobo lokuzabalaza ungasebenzisi zigalo lwakhokela indlela yokuchasa ingcinezelo nokuzabalazela idemokhrasi eMzantsi Afrika, e-Indiya nakwezinye iindawo zasehlabathini kwinkulungwane yamashumi amabini;
4.7 IsiKhumbuzo samashumi amabini sokufa koMongameli waseMozambikhi uSamora Machel (The twentieth Anniversary of the death of Mozambican President Samora Machel) (kwinqwelo-moya eyawa eMpumalanga ngelixa yayibhabha phezu komhlaba waseMzantsi Afrika isiya eMozambikhi ngowe-20 Oktobha 1986. UMongameli uMachel wayexhasa ngamandla imibutho eyayichasene nocalu-calulo kwaye neemeko ezingqonge ukufa kwakhe azizange zavezwa ngokupheleleyo. Isikhumbuzo sokufa kukaMongameli Machel sisebenza njengesikhumbuzo senkxaso nokuzenza idini kwabaninzi abakumazwe angabamelwane kwidabi lokuphelisa nya ucalu-calulo eMzantsi Afrika;
4.8 IsiKhumbuzo samashumi amahlanu sokubanjwa kweenkokeli eziyi-156 ezazisilwa uCalu-calulo ngowe-5 Disemba 1956 (The fiftieth Anniversary of the Arrest of 156 Anti-Apartheid Leaders on 5 December 1956) okwakhokelela kwiTyala loBhukuqo-mbuso (Treason Trial) elaxoxwa ukususela kowe-1957 ukuya kutsho kowe-1961. Eli Tyala loBhukuqo-mbuso laba sisiphumo sokubanjwa kwabantu abayi-156 kwilizwe lonke ngowe-5 Disemba 1956, kwakunye naba, u-Albert Luthuli, u-ZK Matthews, uNelson Mandela, uWalter Sisulu, uOliver Tambo, uHelen Joseph, uRuth First kunye no-Ahmed Khathrada. Eli Tyala lathatha iminyaka emine - laphela ngo-1961, izityholo zarhoxiswa kubo bonke ababengama-30. Iijaji zafumanisa ukuba urhulumente woyisakala ukuza nobungqina obuvakalayo kwityala ababebekwa lona. Bonke baye bakhululwa.
5. Imisebenzi leyo inokwenziwa ngokwamanqanaba ahlukeneyo: Umzekelo, ootitshala banokucwangcisa imisebenzi yaseklasini esekelwe kwikharityhulam, ngelixa iikomiti zolawulo zezikolo (senior management teams) zinokuququzela imisebenzi ekuya kuthatha inxaxheba kuyo isikolo siphela, kwakunye namabhunga olawulo ezikolo kunye noluntu olukufutshane.
6. ISebe leMfundo likazwelonke liya kuthumela incwadana ukulungiselela izikolo ukuba zigxile kwezi ziganeko zembali. Apho kuyo kuchazwe nangaphezulu ukubaluleka kwesiganeko ngasinye, kunye nemithombo efanelekileyo kwaneengcebiso ukulungiselela imisebenzi yeklasi kunye nesikolo. Kufuneka imisebenzi yaseklasini yenziwe ngendlela eya kwenza ukuba ibe yinxalenye yekharityhulam, kwaye mayibonwa njengemisebenzi nje yokongezelela (add-on activities).


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:21