1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye nezi Ngcaciso ziMfutshane 0021/2006, 0040/2006 no-0054/2006 kwaye isisikhumbuzo sokugqibela soomasifundisane abezayo boqhelwaniso nezifundo zeFET NCS.
2. Sele kuvaliwe ngoku ukubhalisela aba masifundisane kwaye akukho lubhaliso lwamva luya kubakho.
3. Ootitshala bayakhunjuzwa ukuba mabeze kwaba masifundisane namaxwebhu adweliswe kwiNgcaciso eMfutshane 0040/2006. ISebe leWCED aliyi kubonelela mntu ngala maxwebhu kwakhona njengoko belisele liwathumele ezikolweni.
4. Amaxesha oomasifundisane ngala alandelayo:
4.1 Iimodyuli okhetha ofuna ukuya kuzo, iiseshoni zakusasa: 08:30 - 11:30
4.2 Iimodyuli okhetha ofuna ukuya kuzo, iiseshoni zasemva kwemini:13:00 - 16:00
4.3 Zonke iintsuku ekunyanzelekileyo ukuba ubekho 08:30 - 16:00
5. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana neNgcali kwezeMfundo eyiNtloko yeFET eWCED, uMnu T Smit, kule nombolo yefoni 021 467 2585, okanye ngale dilesi ye-imeyili: tcessmit@pgwc.gov.za
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-T. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:15