1. Njengabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni sinqwenela ukukhuthaza umoya wokufunda ezikolweni zethu nakuluntu. Iinqununu ke ngoko ziyakhuthazwa ukuba zisebenzise eli thuba lalo mboniso weencwadi wamazwe ngamazwe waseKapa ongowokuqala ngqa ukukhuthaza ukufunda kulutsha lwethu, ootitshala balo nabazali balo.
2. Lo mboniso uyi-Cape Town Book Fair uza kubanjelwa e-Cape Town International Convention Centre. Uya kutsala amawaka-waka eendwendwe ngemiboniso nezinto eziziintlobo ngeentlobo ezidala ukhamnqo nezitsala umdla ngokungaqhelekanga zakweli nezivela kwamanye amazwe (local and exotic flavours). Akukho mathandabuzo okuba lo mboniso uya kuzithimba mpela iingqondo zolutsha kwaye uya kukhuthaza ootitshala ngeenkcazo-ntetho (presentations) ngezihloko eziqalela ekuhlwayeleni ukuthanda ukufunda kuye wonke umntu ukuya ekwenzeni iincwadi zifikeleleke kuye wonke umntu. Ababhali abangoompondo-zihlanjiwe bakweli nabavela phesheya kweelwandle, kwakunye nabatsha (‘new voices’), baya kubakho kulo mboniso. Ukudibana kwabatyeleli, oosomashishini, abantwana, oonolayibrari noluntu ngokubanzi kuya kwenza ukuba lo mboniso woncwadi ube ngongenakuze ulibaleke.
3. Lo mboniso uya kuvulwa ukususela ngo-09:00 ukuya ku-17:00 mihla yonke, ukususela nge-17 Juni ngoMgqibelo ukuya kuLwesibini we-20 Juni. Imali eyintlawulo yokungena yi-R30.00 kubantu abadala ize ibe yi-R10.00 kubantwana abahamba isikolo nakwabadla umhlala-phantsi. Iinkcukacha ngezinto kanye eziza kuqhubeka ziza kuphuma kumaphephandaba nakumajelo osasazo nakweli ziko lewebhu lilandelayo: http://www.capetownbookfair.com.  Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu nceda uqhagamshelane ne-ofisi yomboniso kule nombolo yefoni 021 422 5004. Inkqubo engundoqo iqhakamshelwe.
4. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zisebenzise lo mboniso ukukhuthaza ulwazi lokufunda ngokuthi zikhuthaze bonke abantu abasezikolweni zabo nabahlali ukuba baye kulo mboniso. Eli lithuba elihle ngokugqithisileyo lokutsala umdla ekufundeni iincwadi njengesiseko sokufunda.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:13

Programme  (ubukhulu: 28 KB)