1. Le Ngcaciso iMfutshane mayifundwe kunye nezi Ngcaciso ziMfutshane zombini 0021/2006 no-0040/2006.
2. Izifundo ezidweliswe kwisiHlomelo A kwiNgcaciso eMfutshane 0021/2006 zilawulwa zii-EMDC kwaye ke ngoko i-EMDC iya kunazisa ngeendawo zokuqhubela ezi zifundo.
3. Izifundo ezidweliswe kwisiHlomelo B kwiNgcaciso eMfutshane 0021/2006 zilawulwa nguNdlunkulu liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam.
4. Iindawo zokuqhubela ezi zifundo zidweliswe kwisiHlomelo esikule ngcaciso imfutshane.
5. Ootitshala bayakhunjuzwa ukuba beze koomasifundisane boqeqesho namaxwebhu njengoko ekhankanywe kwiNgcaciso eMfutshane 0040/2006. Kucelwa niqaphele ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) aliyi kubonelela ngala maxwebhu koomasifundisane njengoko sele ethunyelwe kuzo zonke izikolo.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomququzeleli wephondo weWCED FET, uMnu T Smit, kule nombolo yefoni 021 467 2630, okanye umthumelele i-imeyili apha:tcessmit@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-T. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:08

isiHlomelo  (ubukhulu: 11 KB)