1. "Ndiyazi ukuba umgangatho wovavanyo (assessment standard) uthini kwikharityhulam esesikweni, kodwa ndinqwenela ukuba umntu andixelele ukuba kungenwe nzulu kangakanani kweli candelo lithile lemathematika." Ootitshala bemathematika abavakalisa lo mnqweno baza kufumana uncedo kwi-CD esandula kuveliswa kutsha nje liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam. Le CD, esihloko sayo sithi Illustrative Examples for Gr R – 9 NCS Mathematics inika ootitshala imizekelo efanelekileyo yovavanyo lwemigangatho yalo ngalinye lamaBakala R – 9.
2. Ii-EMDC ziya kuba noxanduva lokusasazwa kwale CD ekupheleni kuka-Agasti 2006. Iya kunikwa nokuba ngutitshala weMathematika osuka esikolweni sakho kwintlanganiso yezikolo ezisebenzisanayo okanye yenkalo yesifundo (cluster or learning area meeting), okanye inikwe inqununu kwintlanganiso ye-EMDC. Lowo uyithathayo uya kulindeleka ukuba asayinele akuba eyinikiwe le CD. Ukuba isikolo sakho asikayifumani ikopi ye-CD kude kube ngowama-31 Agasti 2006, nceda uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam weMathematika kwi-EMDC yakho.
3. Injongo yale mizekelo ekule CD kukucacisa imigangatho yovavanyo kootitshala.
4. Ootitshala mabaqaphele ukuba le mizekelo isisikhokelo nje kuphela semigangatho yovavanyo. Le CD ayithathi ndawo yencwadi yokufunda (textbook). Ukuba utitshala ufundisa kuphela imizekelo ekwi-CD eklasini yakhe, abafundi abasayi kuba bafumene ithuba elaneleyo lokufundiswa okukwikharityhulam.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linethemba lokuba esi sincedisi sokufunda siya kubanceda ootitshala ekuphumezeni iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:04