1. Imivuzo yabancedisi bootitshala kaJulayi ukuya kuSeptemba iza kufakwa ngonxibelelwano lwekhompyutha (transferred electronically) kwaye kumele ibe sele ifumaneka nge-22 Julayi 2006.
2. Izikolo ziya kufumana isixa esiyi-R6750 ngomvuzo womncedisi katitshala ngamnye kunye nesibonelelo sokufunda ukulungiselela uJulayi ukuya kuSeptemba. Ukongeza apho, izikolo ziya kufumana i-R130.00 ngomncedisi katitshala ngamnye engumrhumo womqeshi kwi-UIF oyi-1% wethuba elisusela kuMatshi ukuya kuSeptemba 2006. Umrhumo kaMatshi yi-R10.00 neR20.00 yenyanga nganye ukususela ku-Apreli ukuya kuSeptemba.
3. Umncedisi katitshala ngamnye kufuneka afumane umvuzo wenyanga oyi-R2000 - R20 (1% UIF) = R1980, ne-R250 esisibonelelo sokufunda, nto leyo eyenza ukuba esona sixa-mali amele kukusifumana ekugqibeleni sibe yi-R2230.
4. Ukunciphisa iintlawulo zolawulo neentlawulo zebhanki (bank charges), izikolo zikhuthazwa ukuba zenze iintlawulo ngekhompyutha (eletronic payments)
5. Apha kule ngcaciso kuqhotyoshelwe isishwankathelo seentlawulo:
Ulwabiwo-Mali Lwabancedisi
Bootitshala Besikolo
Umvuzo Nesibonelelo
Sokufunda
Umrhumo Womqeshi
Kwi-Uif
Iyonke
1. Umncedisi Katitshala6 7501306 880
2. Umncedisi Katitshala13 50026013 760
3. Umncedisi Katitshala20 25039020 640
4. Umncedisi Katitshala27 00052027 520
5. Umncedisi Katitshala33 75065034 400
6. Umncedisi Katitshala40 50078041 280
7. Umncedisi Katitshala47 25091048 160
8. Umncedisi Katitshala54 000104055 040
6. Siyabulela ngegalelo lakho elixabisekileyo lokwenza le projekthi elilinge ibe yimpumelelo.
7. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, nceda uqhagamshelane noNksz S. Fortuin, uMcwangcisi weKharityhulam omKhulu weCandelo leMfundo eBandakanya wonke uMfundi (Inclusive Education), kule nombolo yefoni 021 467 2584 okanye nge-imeyili sfortuin@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-T.SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:09