1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) labhengeza kwiiNgcaciso eziMfutshane 0021/2006 no-0040/2006 ukuba ootitshala beZifundo ngezeNkolo baza kuqeqeshwa ukususela nge-3 Julayi 2006 e-Boys’ High School, ePaarl.
2. Kodwa ke ngoku iSebe leMfundo kuZwelonke (DoE) licele ootitshala beSebe iWCED ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yoqeqesho kazwelonke eza kuqhutyelwa eBhayi. Le khosi ngoku iza kuthatha indawo yeprogram yoqeqesho yaleyo yeSebe iWCED ePaarl.
3. Ngako oko ke le ngcaciso imfutshane yenzelwa ukwazisa bonke abachaphazelekayo ukuba ikhosi yoqeqesho lokuqhelwanisa nezifundo ze-FET NCS kootitshala beZifundo ngezeNkolo ePaarl, irhoxisiwe kwaza kwafakwa endaweni yayo ikhosi yoqeqesho kazwelonke eBhayi.
4. INtloko yeSebe leMfundo inike imvume yokuba uqeqesho lootitshala beZifundo ngezeNkolo luqhutyelwe eBhayi ukususela nge-26 kuye kwi-30 Juni 2006.
5. Iprogram yoqeqesho kazwelonke inokuthatha kuphela inani eliqingqiweyo lootitshala. Bonke ootitshala ababhalisela ikhosi yasePaarl ngomhla owawubekiwe ngokweNgcaciso eMfutshane 0021/2006 sele bevunyiwe. Sele zazisiwe izikolo ezichaphazelekayo .
6. ISebe iWCED liya kuzihlawula zonke iindleko zeehambo ukuze iSebe leMfundo kuZwelonke lihlawule zonke iindleko zendawo yokuhlala.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-G. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:26