1. I-Facing History and Ourselves (FHAO), eBoston, eUSA ifundisa ootitshala bamazwe ngamazwe ikhosi yeeveki ezisibhozo eyenziwa ngokunxibelelana ngekhompyutha, khosi leyo enge-‘Holocaust and Human Behaviour’, neqala nge-9 Februwari 2006. Le khosi inika isishwankathelo ngokukhula kobuNazi neNtshabalaliso yamaJuda (rise of the Nazis and the Holocaust), kwaye ikwanxulumene nezinye iimbali, ezifana nezo zaseRwanda naseMzantsi Afrika.
2. Le khosi kunye neendlela zokufunda nokufundisa (methodologies) ezisetyenziswa yi-FHAO zinika inkxaso kwi-RNCS and NCS Social Science and History kwaye ziya kunika ootitshala abathatha inxaxheba imixholo ngezifundo ezifanelekileyo, izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa (source material) ezinokusetyenziswa eklasini kunye neendlela ezintsha zokufundisa (innovative teaching approaches). Abathathi-nxaxheba kwikhosi ye-FHAO balungiselelwa ukuba bafikelele kwikhampasi (campus) enonxibelelwano lweekhompyutha, neqhagamshelene nezinye izibonelelo ezingaphezulu ezifanelekileyo kwi-History yeBakala 9 nakwi-FET. Bayakhuthazwa ootitshala be-History ukuba basebenzise eli thuba linomdla kangaka ukwandisa ulwazi lwabo ngezifundo nobungcali eklasini, nokuba babelane ngamava elizwe labo neengcali zamazwe ngamazwe.
3. Enye ingcaciso ebandakanya inkcazo yekhosi nenkqubo yokubhalisa, ingafumaneka kweli ziko lewebhu: http://www.facinghistory.org, apho kufuneka uklikhe ku- Institutions, Workshops and Online Courses ukuze ufikelele kwingcaciso. Kukho nentlawulo ekhutshwayo ngekhosi (course fee), kodwa i-FHAO ineentlobo ngeentlobo zenkxaso-mali (scholarships) ezifumanekayo.
4. Abathathi-nxaxheba mabazilungiselele ukuchitha iiyure ezine ngeveki besebenza kwiseshoni nganye kwezo zisibhozo. Nceda ufunde le Ngcaciso iMfutshane ingoPhuhliso lweKharityhulam xa ubhalisa kule khosi.
5. Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke ootitshala be-History bayayifumana ikopi yale ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:19