1. Okuthunyelwa nolu xwebhu zizintlu zeencwadi ezimiselweyo zofundo loncwadi ngo-2007. Ezi zintlu zeencwadi azibandakanyi ezamabakala 10 - 11 zeelwimi zaseburhulumenteni zaseMzantsi Afrika njengoko zona ziya kuthunyelwa ezikolweni kamva kwakulo nyaka.
2. Ezi zintlu zenzelwe injongo yokunciphisa imfuneko yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa enziwe namalungiselelo okufakwa kweencwadi ezintsha.
3. Izintlu zeencwadi zala maBakala 10, 11 no-12 zezinye iilwimi ezingezizo ezaseburhulumenteni kunye nezeelwimi zaseburhulumenteni zeBakala 12 zona zezokugqibela (are final).
4. Kucelwa ukuba ungenise iingcebiso (recommendations) okanye izimvo (comments) zakho (ekukhethwa ukuba zibe zezibhaliweyo) lingadlulanga eli xesha 14:00 ngowe-23 Juni 2006. Zonke iingcebiso nezimvo ziya kuthathelwa ingqalelo ziiKomiti zoNcwadi oluMiselweyo (Prescribed Book Committees) yaye, ukuba kukho imfuneko, kuya kwenziwa izilungiso (amendments) phambi kokuba kukhutshwe izintlu zokugqibela.
5. Ngenisa iingcebiso okanye izimvo zakho kulo
Head: Education 
(Attention: Mr TJ Magwaca)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114	
CAPE TOWN
8000
OKANYE zithumele nge-i-meyili kulo: tmagwaca@pgwc.gov.za 


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:31

Prescribed list A  (ubukhulu: 152 KB)
Prescribed list B  (ubukhulu: 95 KB)