1. Abancedisi bootitshala baza kuya kwikhosi kwiiKholeji zeMfundo noQeqeqesho eluQhubelekayo (Further Education and Training Colleges) ukususela ku-Apreli 2006 ukuya ku-Oktobha 2006. Le khosi ijolise kwindima nemisebenzi yabo nokuba bayinike njani inkxaso yokwenene kubafundi besiGaba seSiseko.
2. Ootitshala beklasi abaxhaswa ngaba bancedisi bootitshala, kwakunye neenqununu zezikolo zabo, balindeleke ukuba beze kwezi seshoni zoqhelwaniso nekhosi yabancedisi bootitshala ngoLwesihlanu we-9 Juni 2006 ukususela ngo-13:00 ukuya ku-16:30 nangoMgqibelo we-10 Juni 2006 ukususela ngo:08:00 ukuya ku:16:00. Injongo yezi seshoni kukuqhelanisa iinqununu nootitshala nokuqulethwe yikhosi yabancedisi bootitshala. Ikopi yeprogram yezi ntsuku zimbini iqhotyoshelwe apha.
3. Ezi seshoni zoqhelwaniso ziya kubanjelwa kwakwezo khampasi zinye apho abancedisi bootitshala baya kuhamba iiklasini zabo kuzo yaye ziya kuqhutywa ngabahlohli bezo kholeji.
4. Izikolo ziyacelwa ukuba zizalise iziliphu zokuphendula eziqhotyoshelweyo zize zizibuyise ngokuzithumela ngefeksi, ungadlulanga uLwesine, we-25 Meyi 2006.
5. Abo baza kuya kule khosi baya kubuyiselwa ngeendleko zabo zohambo, kodwa bayabongozwa ngokwenene ukuba bancede bakhwelisane ukuba kunokwenzeka oko.
6. ISebe iWCED liqinisekile ukuba iinqununu nootitshala baya kuzuza mpela kwezi seshoni, kwaye ngoko ke kucetyiswa ukuba bancede bazame kangangoko ukuba beze kwezi seshoni.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise le ngcaciso bonke ootitshala besiGaba seSiseko.


ISAYINWE: NGU-T. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:16

IPROGRAM YOQHELWANISO  (ubukhulu: 12 KB)
ISILIPHU SOKUPHENDULA  (ubukhulu: 8 KB)