1. Ukongeza kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam 0021/2006 no-0040/2006, oku kulandelayo kuchaphazela uqeqesho lootitshala be-Agricultural Management Practices ne-Agricultural Technology.
2. INtloko yeSebe leMfundo inike imvume yokuba kuqeqeshwe ootitshala kwezi zifundo zichazwe apha ngentla. Kucelwa uqaphele le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo emalunga noqeqesho:
Imihla yoqeqesho: 5 ukuya kwi-9 kuJuni 2006
Indawo: eLord Charles Hotel, eSomerset West
Amaxesha: 08:00 - 17:00 ngemini nganye
3. Bonke ootitshala baya kunikwa indawo yokuhlala eLord Charles Hotel eSomerset West, ngeli thuba lokuqhubeka kukamasifundisane. Zonke iindleko zendawo yokuhlala ziya kuhlawulwa.
4. Ootitshala abeza kulo masifundisane kufuneka babhalise kwaNdlunkulu. Le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo mayingeniswe kuMnu T Botha kule dilesi ye-imeyili: tbotha@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi: 021 467 2258 ingagqithanga i-20 Meyi 2006. Inombolo yakhe yefoni yile: 021 467 2559/ 2585. Ootitshala abangabhalisanga abayi kuvunyelwa ukuba baye kumasifundisane ngenxa yezizathu zokuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo.
5. Iimfuno zikamasifundisane

Ootitshala bacelwa ukuba beze nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo nawezikhokelo, (asele ethunyelwe ezikolweni) kulo masifundisane wokuqhelwaniswa nezifundo:

  • National Curriculum Subject Statements

  • Learning Programme Guidelines

  • Subject Assessment Guidelines

  • National Protocol on Assessment

  • Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10 - 12

  • The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF)

  • Minimum Admission Requirements for Higher Education, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate

  • Iincwadi zezifundo ezintsha okanye ezinye izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa ezichaphazelekayo

6. Ootitshala abeza kulo masifundisane okwindawo esembindini ukulungiselela wonke umntu mabazihlawulele iindleko zabo zehambo. Utitshala ngamnye usengafaka ibango malunga neendleko zehambo kwi-EMDC yengingqi yakhe. Naziphi na iindleko ezizezinye ezenziwe ngootitshala aziyi kubuyiswa liSebe iWCED.
7. Ngoko ke kuyimfuneko ukuba utitshala ngamnye eze noku kulandelayo kumasifundisane:
  • Inombolo yakhe yePesali

  • Iinkcukacha zenombolo yenjini yesithuthi asisebenzisileyo

  • Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki yakhe

8. Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zebhasi netreyini) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kumabango abo. Xa ootitshala besebenzise iikhombi (mini-busses), amabango makahanjiswe kunye neerisithi zabo abazinikiweyo okanye neleta evela kwinqununu yesikolo engqina iindleko ezenziweyo. Utitshala ngamnye makangenise ibango elingqiniweyo elahlukileyo.
9. Iinqununu ziyacelwa ukuba
  • ziwulandele ngqo lo mhla wokungeniswa kweefom zobhaliso oyi-31 Meyi 2006,

  • ziqinisekise ukuba ootitshala balandela ngqo iimfuno zikamasifundisane, nokuba

  • zikwazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala bamaBakala 10 - 12 abafundisa ezi zifundo zithathu zezolimo.



ISAYINWE: NGU-G. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:26

Registration form  (ubukhulu: 37 KB)