1. Intshayelelo
1.1 Ukumodareyithwa kovavanyo olwenzelwa kumaziko (site-based assessment) okwenziwa yi-EMDC yinkqubo efunekayo yoqinisekiso lwemigangatho, njengoko kwenza kube nokutshekishwa ukuba kukho ukuthotyelwa komgaqo-nkqubo kuze kunike ithuba lokuba kunikwe ingxelo ebalulekileyo ngobekuqhubeka kootitshala nakubaphathi bamaziko.
1.2 Njengangoku abacebisi ngezekharityhulam basebenzisa isixhobo sokumodareyitha i-ABAS 3a/b ngeenjongo zokumodareyitha iiphothifoliyo zabafundi kunye nezootitshala kumaziko emfundo yabadala.
1.3 Amanqaku ovavanyo olwenziwa liziko anikwa ngamaziko lawo kuxwebhu lwamanqaku lwe-ABAS 2 aye avunywa ngabacebisi ngezekharityhulam bee-EMDC, abaye bakhuphele amanqaku kwishedyuli yekhompyutha ekubonelelwe ngayo liCandelo leeMviwo.
2. Intlanganiso yongqinisiso lokumodareyitha ka-UMALUSI-ABET Level 4
2.1 Iimodareyitha ezintathu zika-UMALUSI ziza kutyelela iNtshona Koloni ngowe-22 nowe-23 Meyi 2006 ukuza kungqinisisa ukumodareyithwa kovavanyo olwenzelwa emazikweni e-ABET Level 4. Ziya kungqinisisa ukumodareyithwa kweephothifoliyo zezi nkalo zezifundo zilandelayo:
  • ULwazi lweMathematika

  • IiSayensi zeNdalo

  • ULwazi ngezoBomi

2.2 I-ajenda yale ntlanganiso ihamba kunye nale ngcaciso imfutshane kwaye bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam be-ABET ukuba baye kule ntlanganiso. Kufanele ukuba beze ubuncinane ne-10% yeephothifoliyo ezimodareyithiweyo kwinkalo yesifundo nganye kwiziko ngalinye kwezi nkalo zezifundo zintathu zikhankanywe apha ngasentla.
2.3 Iiphothifoliyo zootitshala kwiziko ngalinye kwinkalo yesifundo nganye mazihambe neephothifoliyo zabafundi, njengoko iimodareyitha zika-UMALUSI ziya kumodareyitha isampula yeephothifoliyo njengenxalenye yenkqubo yongqinisiso.
2.4 Abacebisi ngezekharityhulam mabazalise le shedyuli yekhompyutha yawo onke amaziko ngokumalunga nezi nkalo zezifundo zintathu phambi kokuba bafike entlanganisweni yowe-22 Meyi 2006.
3. Intlanganiso yokunika ingxelo ngobekuqhubeka (feedback) kootitshala
3.1 Ukongeza kule ntlanganiso yongqinisiso, iimodareyitha zika-UMALUSI ziya kubamba intlanganiso eyodwa yokunika ingxelo ngobekuqhubeka (feedback) kootitshala abafundisa ezi nkalo zintathu zezifundo zingentla. Bayamenywa aba titshala ukuba babekho kwintlanganiso eya kuba kwiziko lootitshala ngowe-23 Meyi ukususela ngo-13:30 ukuya ku-15:30.
3.2 Ziyacelwa ii-EMDC ukuba zazise uMnu J Parbhoo (jparbhoo@pgwc.gov.za) ungekadluli umhla we-17 Meyi 2006 ngenani lootitshala kwizithili zazo abanqwenela ukuya kule ntlanganiso.
4 Bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam be-ABET ukuba benze zonke iinzame zokuya kule ntlanganiso, njengoko ubukho babo kule ntlanganiso bubalulekile gqitha ekunikeni ingxelo ngobekuqhubeka kumaziko emfundo yabadala.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:28

ABAS 3a/b  (ubukhulu: 8 KB)
ABAS 2  (ubukhulu: 10 KB)
I-ajenda  (ubukhulu: 34 KB)