1. Ngokwemvumelwano yokubekwa esweni koviwo ka-2003, esebenza kwiMatriki nakuViwo lweMfundo yaBadala lweNqanaba 4, olu viwo esele kumbovu ukuba lubhalwe luya kubekwa esweni kwakhona nakulo unyaka njengenxalenye yemisebenzi yoqinisekiso lwemigangatho yeSebe leMfundo.
2. Abalawuli bee-EMDC mabadlulisele igunya lomsebenzi wokubeka esweni iimviwo ze-ABET kwiikomiti ezenziwe ngamagosa angamalungu amathathu. Ezi komiti mazisebenzise isixhobo sokubeka esweni uviwo i-Annexure A ekhutshwe ngu-Umalusi.
3. Ngethuba lokuqhubeka koviwo, ikomiti yokubeka esweni iimviwo mayityelele ubuncinane amaziko amabini e-ABET ngeveki (o.k.t. utyelelo amatyeli asi-8 xa ewonke) ize inike ingxelo kwigosa le-EMDC elimele ezovavanyo (EMDC assessment representative).
4. Igosa le-EMDC elimele ezovavanyo (EMDC assessment representative) malisebenzise ifomathi emiselweyo yokunika ingxelo ukuqokelela iingxelo zekomiti yokubeka esweni iimviwo nemazithunyelwe kumququzeleli wokubeka esweni iimviwo (examination monitoring co-ordinator) uMnu TJ Magwaca, ngomhla we-5, owe-12, owe-19 kunye nowama-26 Juni 2006. Iingxelo zephondo ziya kuthunyelwa ngoLwesibini ngamnye ku-Umalusi yaye ke ngoko kunyanzelekile ukuba iingxelo ze-EMDC zifike kwaNdlunkulu ngoko nangoko.
5. Ukongeza kwinkqubo ebanzi yokubeka esweni iimviwo eyenziwa ngu-Umalusi, ii-EMDC mazisebenzise isixhobo sokubeka esweni iimviwo i-Annexure B ubuncinane kwi-50% yawo onke amaziko ekubhalelwa kuwo iimviwo ze-ABET. Esi sixhobo sinokusetyenziswa ngawo onke amanye amagosa atyelela amaziko okubhalela iimviwo ze-ABET.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:28

Isihlomelo A  (ubukhulu: 60 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 36 KB)