1. IMisebenzi yoVavanyo yeMathematika yeBakala 9
1.1 Abacebisi ngezekharityhulam beMathematika kwi-EMDC baya kunika ikopi yeencwadi ezimbini ezinemizekelo yemisebenzi yeBakala 9 kutitshala weMathematika wesikolo ngasinye esineeklasi zeBakala 9 kwintlanganiso yeeklasta ngale kota (ikota yesikolo).
1.2 Ezi ncwadi zenzelwe ukunceda ootitshala beBakala 9 beMathematika ekumiseleni imigangatho nokunika imizekelo yeentlobo ezahlukeneyo zovavanyo ezifunwa yi-National Protocol on Assessment.
1.3 Imizekelo yaqokelelwa kootitshala ngexesha lenkqubo yokuqinisekisa (verification process) ngo-2005 kwaye iprintwe njengoko yayifunyenwe ivela ezikolweni. Ootitshala abanqwenela ukusebenzisa le misebenzi yovavanyo kwiiklasi zabo mabatshekishe iimpazamo.
1.4 Ukuba isikolo sakho asikazifumani iincwadi ekupheleni kwekota yesibini, kucelwa ukuba uqhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam weMathematika kwi-EMDC yakho.
1.5 Abacebisi ngezekharityhulam banethemba lokufumana imizekelo engaphezulu kootitshala ku-2006, ukwenzela ukuba kuprintwe enye incwadi ngo-2007. Imisebenzi yovavanyo engeniswe ngekhomyutha (submitted electronically) iya kufakwa kwiziko lewebhu lekharityhulam: http://curriculum.wcape.school.za phantsi kwe-Mathematics (GET) in 2007.
1.6 ISebe i-WCED libulela bonke abo titshala bangenise imisebenzi yovavanyo ku-2005.
2. I-CD yemizekelo enemifanekiso yeMathematika (Mathematics Illustrative Examples)
2.1 Ngexesha leKhosi yoQeqesho lokuQhelwaniso neZifundo zeNCS zeBakala 8 no-9 ukususela nge-10 ukuya kwi-14 Julayi, utitshala weMathematika kwisikolo ngasinye uya kufumana i-CD aze ayisayinele.
2.2 I-CD inika imizekelo ebonisa imifanekiso kumgangatho ngamnye woVavanyo lweMathematika (NCS Mathematics Assessment Standards) ukususela kwiBakala R ukuya kwiBakala 9 ukuncedisa ootitshala ekucaciseni iMigangatho yoVavanyo.
2.3 Ootitshala bayacetyiswa ukuba le mizekelo ibonisa imifanekiso izizikhokelo nje kuphela nokuba i-CD ayiyithathi indawo yencwadi yesifundo (textbook). Ukuba utitshala ufundisa kuphela imizekelo ekule-CD, abafundi abayi kuba bayigqibe ngokupheleleyo nangokwaneleyo ikharityhulam.

ISebe le-WCED linethemba lokuba ezi zixhobo ziya kunceda ootitshala ekuphunyezweni kweNCS ngo-2007.



ISAYINWE: NGU-T.SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:05