1. Ukongeza kwiNgcaciso eMfutshane 0021/2006, le miba ilandelayo ibhekiselele kubhaliso lootitshala bebhalisela ukuya kwiiseshoni zoqhelwaniso nezifundo ngoJuni - Julayi.
2. Ubume beprogram yoqhelwaniso nezifundo yephondo
2.1 Iprogram yoqhelwaniso nezifundo yephondo ka-2006 yenziwe izilungiso ngokungqinelana nezimvo ezifunyenwe zivela kootitshala (feedback) malunga neprogram ka-2005.
2.2 Apho kunokwenzeka, uqhelwaniso nezifundo kootitshala basemaphandleni luya kuqhubeka kwiveki yokuqala.
2.3 Ukongeza, le program ibonelela ngendlela eza kusetyenziswa ”yokulungele iimfuno” ("fit-for-need" approach). Ngaphandle kweentsuku ezimbini ezinyanzelekileyo kubo bonke ootitshala, ootitshala bangakhetha iimodyuli abanqwenela ukuya kuzo ezisekelwe kwiimfuno zabo ngokwemfundo yabo noqeqesho lwabo lobutitshala (academic and professional needs).
2.4 Iiprogram zezifundo xa zizonke zijolise kokuqulethwe yikharityhulam entsha. Kusuku lokuqala nolwesibini lweprogram, ngokungqinelana nemeko yemodyuli, kuya kusingathwa okuqulethwe yiprogram okutsha kuze ngosuku lwesithathu nolwesine kusingathwe uvavanyo, ucwangciso nokusetyenziswa kwengcaciso nonxibelelwano lwethekhinoloji (ICT) xa kufundiswa kunye nokusetyenziswa kwezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) ngokuphathelele kokuqulathwe yikharityhulam entsha.
2.5 Ngaphandle kwezi zifundo zilandelayo: Dance Studies, Agricultural Science, Dramatic Arts, Religion Studies kunye neeprogram zezifundo ezine zeThekhinoloji ezifuna iintsuku ezintlanu, zonke ezinye iprogram zezifundo ziya kugqitywa kwiintsuku ezine, o.k.t. ukuqala ngoMvulo kuye kuLwesine. Iiprogram zezifundo ze-Information Technology (IT) ne-Computer Applications Technology (CAT) eziza kuqhutywa ngumboneleli-nkonzo kazwelonke wangaphandle, ziya kuqhutywa emva kwemini ngeCawa ukuya kuMgqibelo.
3. Inkqubo yobhaliso lwephondo
3.1 Le program iqhotyoshelweyo (Jonga isiHlomelo A kwizifundo ze-EMDC nesiHlomelo-B kwizifundo ezincinane.) ibonelela ngezihloko neemodyuli zemini nganye. Kunyanzelekile wonke umntu abekho ngezi ntsuku ziboniswe ngokuthikishwa.
3.2 Ngaphandle kwezifundo ezidweliswe kumhlathi 2.5, ootitshala mabakhethe ezo seshoni baya kuya kuzo ngoMvulo nangoLwesibini kwifom yobhaliso eqhotyoshelweyo. (Jonga isiHlomelo C kwizifundo ze-EMDC kunye no-B kwizifundo ezincinane.)
3.3 Uqhelwaniso nezifundo ukulungiselela izifundo ezikhulu ezichazwe kwisiHlomelo A, luya kulawulwa ze luqhutywe ngokwemeko ye-EMDC. Ootitshala ke ngoko baya kucelwa ukuba babhalise kwiprogram yoqhelwaniso nezifundo kwi-EMDC isikolo sabo esiphantsi kwayo, ingeyiyo leyo ikufutshane kwindawo abahlala kuyo. Ifom C yobhaliso ezaliswe ngokupheleleyo, mayibuyiselwe kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko we-EMDC echaphazelekayo ungagqithanga umhla we-12 Meyi 2006.
3.3.1 Ii-EMDC ziya kuchazela ootitshala ngeendawo apho luya kuqhubeka khona uqeqesho, zize zithwale uxanduva lokuhlawulela yonke inkcitho yohambo (travelling), kuze apho kuyimfuneko, neendleko zendawo yokuhlala ezenziweyo ngabathathi-nxaxheba. Ootitshala abafanele kufumana isixhaso semihla ngemihla (Teachers do not qualify for a daily subsistence allowance).
3.3.2 Xa ootitshala benokuthi balale, ii-EMDC ezichaphazelekayo zamaphandle ziya kuchazela abo titshala ngamalungiselelo endawo yokuhlala.
3.4 Uqhelwaniso nezifundo ukulungiselela izifundo ezincinane ezichazwe kwisiHlomelo B, luya kuqhutywa ngokuthi kukhethwe indawo esembindini kumntu wonke, luze lulawulwe liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam lakwaNdlunkulu. Ngako oko ke ootitshala abafundisa ezi zifundo kufuneka ke babhalise kwaNdlunkulu. Ifom D yobhaliso eqhotyoshelweyo mayingeniswe kuMnu Lewis kule dilesi:flewis@pgwc.gov.za, okanye ithunyelwe ngefeksi apha 021 467 2258, ungadlulanga umhla we-12 Meyi 2006. Iinombolo zakhe zoqhagamshelwano zezi: 021 467 2504 okanye 467 2585.
3.4.1 ICandelo loPhuhliso lweKharityhulam liya kuchazela bonke ootitshala abaya kuthatha inxaxheba kwiprogram yoqeqesho kwizifundo ezincinane ngeendawo eziza kusetyenziswa. Aba masifundisane baya kuqhubekela apha eKapa nakwindawo ezikufuphi neKapa.
3.4.2 Ootitshala abeza kwaba masifundisane baqhutyelwa kwindawo esembindini, mabazihlawulele iindleko ngamalungiselelo eehambo nawendawo yokuhlala abawenzileyo. Iindleko zeehambo nezendawo yokuhlala abazenzileyo, mazenzelwe amabango entlawulo (to be claimed) kwi-EMDC yesikolo utitshala ochaphazelekayo aphantsi kwaso.
3.5 Makuqatshelwe ukuba amaxesha asikiweyo neeprogram zezifundo ziya kufana kulo lonke iSebe leMfundo leNtshona Koloni.
3.6 Iprogram yephondo yenziwe ngohlobo lokuba ivumele uninzi lootitshala abafundisa izifundo ezibini ukuba beze kuzo zombini. Umzekelo, iMathematika iya kuqhutywa kwiveki yokuqala, size isifundo soLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy) sibe kwiveki yesibini. Lo mgaqo mnye uya kusetyenziswa nakwezinye izifundo ezininzi ekubonwe zinokudityaniswa.
3.7 Iinqununu maziqaphele ukuba akuyi kubakho ziseshoni zoqhelwaniso nezifundo zephondo zizezinye de kuye ekupheleni konyaka. Apho ootitshala bafundisa izifundo ezibini, kufuneka bakhuthazwe ukuba beze kwaba masifundisane bobabini.
3.8 Ootitshala abangabhalisiyo abayi kuvunyelwa ukuba beze kwaba masifundisane ngenxa yezizathu zokuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo.
4. Izinto ekufuneka kuziwe nazo kumasifundisane
4.1 Bayacelwa ootitshala ukuba beze koomasifundisane bokuqhelwanisa nezifundo nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo nawezikhokelo nawanikwa izikolo:
4.1.1 National Curriculum Subject Statements
4.1.2 Learning Programme Guidelines
4.1.3 Subject Assessment Guidelines
4.1.4 National Protocol on Assessment
4.1.5 Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10 – 12
4.1.6 The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF)
4.1.7 Minimum Admission Requirements for Higher Education, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate
4.2 Iimfuneko ezizodwa
4.2.1 Iikhalityhuleyitha ze- Accounting, Scientific khalityhuleyitha yeMathematics ne-Mathematical Literacy
4.2.2 Iincwadi zezifundo ezintsha okanye ezinye izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa ezifanelekileyo
5. Iinkcitho ebangelwe ngootitshala
5.1 Ootitshala mabangenise iifom zabo zamabango kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko we-EMDC.
5.2 Ootitshala baya kubuyekezwa ngeehambo kwaye apho kuyimfuneko, nangeendleko zendawo yokuhlala ezenziweyo.
5.3 Ngoko ke kubalulekile ukuba utitshala ngamnye eze noku kulandelayo kumasifundisane:
5.3.1 Inombolo yakhe yePesali
5.3.2 Iinkcukacha zenombolo yesithuthi asisebenzisileyo
5.3.3 Iinkcukacha zebhanki yakhe
5.4 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zebhasi netreyini) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kumabango abo. Ukuba ngaba ootitshala besebenzise iikhombi (mini-buses), amabango mawahanjiswe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye ileta evela kwinqununu echaza iindleko ezenziweyo. Utitshala ngamnye makangenise ibango elahlukileyo elingqiniweyo.
5.5 Akukho titshala uya kubuyiselwa ngeendleko zeehambo okanye ngeendleko zendawo yokuhlala ezenziweyo ukusuka kwindawo yakhe yokuchitha iholide okanye azenzileyo xa engasebenzisanga indawo ebeyibhalisele.
6. Uqeqesho liSebe leMfundo likazwelonke

Uqeqesho oluza kuqhutywa ngababoneleli-nkonzo bangaphandle nolulawulwa liSebe leMfundo likazwelonke nolukhankanywe kumhlathi 3.1 weNgcaciso eMfutshane 0021/2005, akukagqitywa ngalo.

7. Uphuhliso ekufundiseni iMathematika, iSayensi, neThekhinoloji (Mathematics, Science and Technology (MST)
7.1 Ootitshala beMathematika bamaBakala 10-12 bezikolo eziyi-40 zeDinaledi nezili-10 zeMST baya kuqeqeshwa ngokwahlukileyo yi-AIMSSEC. Olu qeqesho luya kuqhubeka ukususela kwi-23 Juni kuye kwi-15 Julayi 2006 eStellenbosch High School. Kuya kubakho iiseshoni ezimbini. Iqela lokuqala lootitshala liya kuqeqeshwa ukususela kwi-23 Juni ukuya kwi-4 Julayi 2006 ukuze iqela lesibini ukususela kwi-5 kuye kwi-15 Julayi 2006.
7.2 Ootitshala ababini kwisikolo ngasinye baya kuthatha inxaxheba kolu qeqesho kwaye akuyi kufuneka ukuba babhalise kolu qeqesho lokuqhelwaniswa nezifundo lwephondo nee-EMDC.
7.3 Kuya kuthunyelwa isaziso sokunika ingcaciso esahlukileyo ezikolweni ezithatha inxaxheba ukuba zinike ingcaciso neefom zobhaliso ukulungiselela olu qeqesho.
8. Uqeqesho lwokuqhelwaniswa nezifundo lwe-CAT ne-IT
8.1 Uqeqesho lokuqhelwaniswa nezifundo lweCAT ne-IT luya kuqhutywa yi-Cape Peninsula University of Technology njengomboneleli-nkonzo wangaphandle oxhaswa liSebe leMfundo likaZwelonke. Le nkqubo iya kusingathwa liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam.
8.2 Ubume beprogram bumisela inkqubo yobhaliso eyahlukileyo, njengoko iprogram ibonelela ngamanqanaba olwazi amathathu.
8.3 Iprogram yoqeqesho lokuqhelwaniswa nezifundo lukaJuni–Julayi kwi-CAT ne-IT zombini luya kuqhutywa kwinqanaba lokuQala nelesiBini. Ngenxa yoko ootitshala kuya kufuneka babonise inqanaba labo lolwazi ngokungqinelana nesikhokelo esiya kukhutshwa ngengcaciso emfutshane eyahlukileyo sithunyelwe kuzo zonke izikolo ezifundisa ezi zifundo.
8.4 Ootitshala abavela kwii-EMDC zasemaphandleni (rural) baya kuhlaliswa eCape Peninsula University of Technology, kwikhampasi yase-Bellville.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zilandele ngqo:
9.1 umhla wokungeniswa kweefom zobhaliso oyi-12 Meyi 2006.
9.2 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ootitshala bahamba ngqo ngokweemfuneko zendawo zobhaliso.
9.3 nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 10 ukuya ku-12.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:24

Isihlomelo A  (ubukhulu: 23 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 25 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 20 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 22 KB)