1. Njengoko kwakucacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane 0091/2005, ifomathi yecandelo lovavanyo rhoqo (continuous assessment) kunye noviwo lokugqibela (final examination) lwesifundo se-Economics ziya kuqhutywa ngokungqinelana neZikhokelo zikaZwelonke (National Guidelines) ukususela kuJanuwari 2006. Ngako oko ke kufuneka ootitshala besi sifundo baqinisekise ukuba bayakwazi ncam okukolu xwebhu Economics National Assessment Guidelines.
2. Oku kucaciswa kwemiba kulandelayo makufundwe kunye nolu xwebhu Economics National Assessment Guidelines:
3. UVIWO LOKUGQIBELA OLUBHALWAYO (Funda i-Economics National Assessment Guidelines, iphepha 3)
3.1 Ukwabiwa kwamanqaku ayi-400 kuHlelo oluPhezulu nayi-300 kuHlelo oluPhakathi kuza kuhlala kungatshintshwanga. Ixesha eliya kuthathwa ukubhala iphepha liya kuhlala liziiyure ezintathu. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ulandelelwano lohlobo lwemibuzo ebisoloko isetwa kwixesha elidlulileyo lutshintshiwe, ngolu hlobo lulandelayo:

ICandelo A (kuHlelo oluPhezulu (Higher Grade) nakuHlelo oluPhakathi (Standard Grade)) alinayo imibuzo okhetha enye kozinikiweyo (multiple choice) kuphela, koko lidibanise uluhlu lohlobo lwemibuzo emifutshane efuna ulwazi (short factual type questions) (umz. imibuzo okhetha enye kozinikiweyo, kuyinyaniso okanye bubuxoki, khetha igama elichanekileyo, njl. njl.) Kubalulekile ukuqaphela inani leengongoma (items) eziya kusetwa kwiimodyuli ezahlukeneyo.

ICandelo B kuHlelo oluPhakathi liza kuhlala liyilaa fomathi inye njengangaphambili. Kodwa ke iintlobo zemibuzo esetwe kumanqanaba okuqonda (cognitive level) ahlukileyo ngokungqinelana nesicwangciso (table) esimiselweyo afakelwe izilungiso (amended).

Kubalulekile ukuqaphela ukuba kwiphepha loviwo kuHlelo oluPhezulu, iintlobo zemibuzo ebisoloko ngaphambili isetelwa amaCandelo B no-C zitshintshiwe. ICandelo B ngoku liza kuba nemibuzo ethe ngqo (direct questions), lo gama iCandelo C liza kuba nemibuzo “emide” engathe ngqo (indirect unstructured “essay” questions).

3.2 Iinkalo zokufunda ezifikelelwayo kwisilabhasi (syllabus coverage) nokwabiwa kwamanqaku (weighting) (Funda iphepha 5) nazo zifakelwe izilungiso (amended). Kufuneka ootitshala bathathele ingqalelo amanqanaba okuqonda (cognitive level) ahlukileyo aya kusetelwa phezu kwawo amaphepha. (Umhlathi 4.4)
3.3 Kwicandelo lokufundiswa kweesilabhasi ngokunabileyo (umhlathi 4.5, amaphepha 7 ukuya ku-15), kucacile ukuba lukho utshintsho olubufihlakala (subtle changes) olwenziweyo nekufuneka luphunyezwe ngenyameko enkulu lwenzisisiswe ngokuchanekileyo.
4. UVAVANYO RHOQO (CONTINUOUS ASSESSMENT (CASS))
4.1 Amanqaku e-CASS aza kuba yi-25% yamanqaku okugqibela okupasa. Ukwakhiwa kweengongoma ezahlukileyo ze-CASS kutshintshiwe kwaye kufuneka ootitshala baluqaphele olu tshintsho baze baluphumeze.
4.1.1 UViwo oluMiselweyo noluLungiselelwayo: Uviwo olumiselweyo nolulungiselelwayo luyi-20% yamanqaku e-CASS kuHlelo oluPhezulu ne-15% kuHlelo oluPhakathi.
4.1.2 Iimvavanyo zekota ezilawulwayo (controlled quarterly tests) (umhlathi 5.1.1): Iimvavanyo ezimbini (two tests) zekota kufuneka zifakwe kwicandelo le-CASS, o.k.t. uvavanyo olulawulwayo lwekota yokuqala noviwo lukaJuni.

Awona manqaku asezantsi amakabelwe (minimum mark allocation) uHlelo oluPhezulu yi-130 kunye ne-100 kuHlelo oluPhakathi. Ulwakhiwo (structure) lwephepha loviwo nohlobo lwemibuzo ebuzwayo mazifane nolo lwamaphepha eemviwo zokugqibela. o.k.t. Amacandelo A, B no-C (kuHlelo oluPhezulu), namaCandelo A no-B (kuHlelo oluphakathi).

Uviwo lukaJuni kufuneka ulwakhiwo (structure) lwephepha loviwo, ukwabiwa kwexesha nokwabiwa kwamanqaku zifane nezoviwo lokuzivavanya (trial) (lukaSeptemba), njengoko kucacisiwe kumhlathi 4 weZikhokelo zoVavanyo (Assessment Guidelines). Nakuba kunjalo, olu viwo luya kusetwa kuphela kumsebenzi owenziweyo ukuza kuthi ga kweso sigaba. Kwicandelo leempendulo ezinde (essay type section) kuHlelo oluPhezulu, makusetwe imibuzo emithathu, abaya kuthi abafundi baphendule ibe mibini kuyo. Akukho lukhetho lwemibuzo maluvunyelwe kweminye imibuzo (ku-HG naku-SG).

4.1.3 Ezinye iintlobo zovavanyo (Khangela kwi-Assessment Guidelines, umhlathi 5.1.2)
  • Inkcazo-ntetho (presentation) okanye i-case study

  • Kucetyiswa ukuba abafundi benze nokuba yinkcazo-ntetho (presentation) OKANYE i-case study ngokusebenzisa irubrikhi efanelekileyo (Funda olu xwebhu Transition Guidelines, iphepha 45). I-case study ingavavanywa ngokusebenzisa zombini irubrikhi/imemorandam zidityaniswe.

  • Ii-asayinimenti (Assignments): Ubuncinane ZIMBINI

  • I-asayinimenti ingangumsebenzi wesakhono kwisifundo (subject skill task) okanye ongomba wezoqoqosho ngezinto eziqhubekayo ngoku (current economics task) OKANYE zidityaniswe zombini. I-asayinimenti ingayi-case study. Kufuneka ii-asayinimenti zibandakanye kwakhona iigrafu nezibalo (graphs and calculations).

    Zonke ii-asayinimenti maziye kutsho kumanqaku ayi-50 kwaye mazivavanywe ngokusebenzisa irubrikhi (rubric) okanye imemorandam okanye zidityaniswe zombini.

  • Iprojekthi yophando (Research project): Iprojekthi yophando eNYE eya kutsho kwi-100 yamanqaku, atshintshwa abe ngamanqaku ayi-20 kwi-HG ne-15 kwi-SG.

  • Le projekthi iya kuvavanywa ngokusebenzisa irubrikhi kuphela. (Ootitshala bangayilungisa apha naphaya irubrikhi ebikade isetyenziswa ngaphambili kwi-CASS Transition Guidelines, amaphepha 38 – 40, okanye nayiphi na enye irubrikhi efanelekileyo esebenzisa iikhrayitheriya ezicetyiswayo.)

Imizekelo yemisebenzi ecetyiswayo nefanelekileyo eneerubrikhi ezihamba nayo, kwakunye neethemplethi zeemakhishithi zekhompyutha (electronic mark sheet templates) iyafumaneka kweli ziko lewebhu Economics (Resources page) apha  http://curriculum.wcape.school.za/ site/28/res/view , kwaye abacebisi ngezekharityhulam be-EMDC ezahlukeneyo baya kuxoxa ngayo nootitshala ngexesha leentlanganiso zokumiselwa kwemigangatho kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster standard setting meetings) eziya kubanjwa ngexesha lekota yokuqala ka-2006.

4.1.4 Kucetyiswa ukuba kwenziwe iprogram yeCASS efanayo kwiBakala 11 apha ku-2006.
4.1.5 Isicwangciso samaxesha okugqitywa kwemisebenzi yeCASS

Umcebisi ngezekharityhulam we-EMDC nganye uya kuzama ukwenza isicwangciso samaxesha okumodareyitha esinokufikeleleka, ngeqela ngalinye lezikolo ezisebenzisanayo, ukuze kugqitywe yaye kumodareyithwe ngempumelelo iingongoma zeCASS ezifunekayo ngonyaka.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa zonke iintloko nootitshala besifundo se-Economics nokuba bonke bakuthathela ingqalelo oku.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:13