1. Ukuxhasa ukuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke ( National Curriculum Statement (NCS) kumaBakala 8,9 and 11 ngo-2007, yaye ngakumbi ekuxhaseni iiLwimi, iMathematika neSayensi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise iprojekthi eyodwa yokunika umfundi ngamnye incwadi yesifundo (textbook) kuso ngasinye sezi zifundo zilandelayo:
IBakala 8 & 9:
IiLwimi:ULwimi loKuqala oLongezelelweyo – 
(integrated language textbook)
IMathematika		
ISayensi yezeNdalo
IBakala 11: IiLwimi:ULwimi lweNkobe – (integrated language textbook) IiLwimi:ULwimi loKuqala oLongezelelweyo – (integrated language textbook) IMathematika okanye Isifundo soLwazi ngeMathematika ISayensi yezeNdalo (apho kusebenzayo oku)
2. Kufuneka izikolo zikhethe iincwadi zezifundo zezi nkalo zezifundo/zezifundo kuluhlu eziza kuluthunyelelwa kungekudala.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zithathele ingqalelo le ngcaciso ilapha ngasentla xa zisenza ii-odolo zeencwadi zezifundo.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:20