1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) labhengeza uMgaqo-nkqubo kaZwelonke ngezeNkolo neMfundo (National Policy on Religion and Education) kwiSetyhula 0194/2003.
2. Isetyhula yacacisa oku kulandelayo:

  • “Umgaqo-nkqubo ubonelela ngesikhokelo ukulungiselela ukusingathwa ngokufanelekileyo kwale miba mithathu yezenkolo icacisiweyo ezikolweni: iMfundo ngezeNkolo enyanzelekileyo, ukuQatshelwa kweZiganeko zezeNkolo okunemiqathango kunye noKufundiswa kwezeNkolo ngokuzithandela”

  • “ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libuqonda ncam ubu-ethe-ethe bezinto ezingqonge lo mgaqo-nkqubo kwaye linqwenela ukucacisa ukuba amalungelo abafundi nawootitshala njengoko ecacisiwe kwiZiqendu 13 no-35, makahlonitshwe ngokweembono neenjongo zokuqulathwe kokubhalwe kulo mgaqo-nkqubo. Imimiselo ethile yalo mgaqo-nkqubo ilungiswe apha naphaya ukuze ibe nokusetyenziswa kwizikolo ezizimeleyo. (jonga kwiSiqendu 16)”.

3. Le ngcaciso imfutshane ikhumbuza bonke abasebenzi abakumaziko emfundo eWCED ukuba balandele kanye ngqo iimfuno zalo mgaqo-nkqubo iNational Policy on Religion and Education.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:26