1. Esinye seziphumo zokufunda zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala 10-12 (iZifundo ngokuBanzi – General)) soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) sithi “umfundi makabe nako ukubonisa izinto azaziyo yena buqu (self-knowledge) kwaye akwazi ukwenza izigqibo ezizizo ezibonisa ukuba nolwazi kwakhe malunga nokuqhubela phambili ngezifundo, iinkalo zomsebenzi (career fields) kunye nokulandela ikhondo lezifundo elikhokelela kumsebenzi awunqwenelayo (career pathing).”
2. I-WCED izimisele ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi beFET banako ukubonisa ulwazi kunye nezakhono eziqulethwe kwesi siphumo sokufunda ngokubanika amathuba okuba babone iintlobo ngeentlobo zemisebenzi.
3. Ukuphendula ikhwelo elihlatywe nguzwelonke lokuthatha umntwana oyintombazana uye naye emsebenzini nge-25 Meyi 2006, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukucela zonke izikolo zithathe inxaxheba kule projekthi ngokwazisa amantombazana ngekhondo lomsebenzi wobutitshala.
4. Kucetyiswa ukuba isikolo ngasinye masikhethe amantombazana alishumi eBakala 10 anomdla kubutitshala, aze aboniswe iprogram eya kukhuthaza umdla wabo kwikhondo lobutitshala.
5. Izikolo zivumelekile ukuba zizenzele izigqibo ngefomathi yale program, kodwa mazithathele ingqalelo ezi ngcebiso zilandelayo:
5.1 Vumela amantombazana akhethiweyo atyelele iiklasi zesikolo saseprayimari esikufuphi ukuya kujonga indlela yokufundiswa kwabafundi abaselula.
5.2 Yenza amalungiselelo okuba amantombazana atyelele iziko lemfundo ephakamileyo lokuqeqesha abafundi ubutitshala.
5.3 Yenza amalungiselelo okuba amantombazana atyelele isikolo apho aya kuba nako ukujonga indlela yokufundisa abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa (special educational needs).
6. Izikolo zivumelekile ukuba zenzele amakhwenkwe amalungiselelo anje ngala kamva enyakeni.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abakwizikolo zeWCED ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:26