1. UMhlathi 9 walo Mgaqo-nkqubo An Interim Policy Framework for the Assessment and Promotion of Learners in Grade 9 (Government Gazette No. 25699, dated 7 November 2003) ubonisa ukuba uvavanyo rhoqo (continuous assessment (CASS)) luya kwenza ama-75% eziphumo zokuphela konyaka zabafundi beBakala 9 nokuba umsebenzi ofanayo wovavanyo (common task for assessment (CTA)) uya kwenza ama-25% eziphumo zokuphela konyaka.
2. Ngokwenjenje kwaziswa izikolo ukuba ngo-2006 i-CTA iya kuba licandelo elinye elifana kakhulu neCandelo A langaphambili le-CTA. Injongo kukuba abafundi mabafunde ngokupheleleyo ezo zinto zifundwayo kunye nezibonelelo eziyimfuneko. Ngako oko ke i-CTA mayingabonwa “njengoviwo lokugqibela lokuphela konyaka”.
3. Njengangoku kumodareyithwa ii-CTA yaye ziza kuthunyelwa kumasebe emfundo amaphondo ekupheleni kwekota yesibini ukuze ziprintwe. Ngako oko ke izikolo ziya kuzifumana iikopi zee-CA kwikota yesithathu.
4. Izikolo mazizenzele iithayimthebhile zazo zokubhalwa kwee-CTA ngekota yesine. Ikopi yethayimthebhile mayithunyelwe kumphathi wesekethe ukulungiselela ezolawulo ize enye ithunyelwe kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko ukwenzela iinjongo zokubekwa esweni nokumodareyithwa.
5. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba zizigaba zi-3 zokumodareyitha ezikhoyo:
Kwikota yokuqala: Intlanganiso yokumiselwa kwemigangatho 
Ikota yesibini & 
neyesithathu:     Uphuhliso nokunikwa inkxaso kootitshala  
Ikota yesine:     Kwenziwa ukumodareyitha kokugqibela
6. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ukufunda nokufundisa kuqhubela phambili kwiBakala 9 kude kuye ekupheleni kwekota, izikolo zinokungenisa iiphothifoliyo zazo ukuze zimodareyithwe okokugqibela kodwa kushiyeke umsebenzi omnye omawenziwe. Nakuba kunjalo, iinkcukacha zomsebenzi ekufuneka wenziwe mazifakwe kwiphothifoliyo katitshala, kubhalwe umhla loo msebenzi oya kugqitywa ngawo. Abacebisi ngezekharityhulam banokumodareyitha umsebenzi wokugqibela baze, apho kufanelekileyo, benze amalungiselelo kunye nesikolo okwenjenjalo.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala abafundisa amaBakala 9 okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:26

Government Gazette No. 25699  (ubukhulu: 515 KB)