1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyithatha njengebaluleke gqitha into yokuvezela abafundi amathuba amakhondo abanokuwalandela, nto ke leyo ebangele ukuba iSebe leMfundo libambisane neSebe lezoLimo (Department of Agriculture) ukuze lixhase iphulo le-Agri-Expo ukubonisa ngolimo kwanangamacandelo alo kumboniso we-expo, eCape Town International Convention Centre ukususela nge-13 ukuya kwi-15 Oktobha 2006.
2. Umxholo womboniso we-expo uthi okuvela emhlabeni. Umboniso i-expo ujonge ekukhuthazeni inkangeleko yezolimo uze ubonise neyantlukwano ekhoyo kwicandelo lezolimo ngendlela eya kubangela umdla kumafama, kubavelisi, kubathandi beendidi zezityo kunye nabathandi beefashoni, kubafundi, kwiintsapho, kwabo bathanda impilo nakwiindwendwe ezifuna ukuzivela ngezolimo kuwo onke amacandelo ezolimo. Kuya kubandakanywa la macandelo alandelayo: iimveliso zobisi, (dairy), iiwayini, iziqhamo, inyama, imifuno, ishishini lamayeza enziwe ngezityalo, ulondolozo lwendalo, izikolo nolutsha.
3. U-Agri-Expo unqwenela ukuba abafundi apha kwiphondo ngokubanzi, beze kulo mboniso we-expo. Ngokungqinelana nesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy) kwanangenjongo yokutsala abafundi abanemathematika nesayensi abaceba ukuqhubeka ngezifundo zolimo njengekhondo labo, bekuya kuba luvuyo ukuba abafundi bamaBakala 10-12 abanomdla kwezi nkalo zezifundo, bebenokukhuthazwa, balungiselelwe ukuba beze kwi-Agri-Expo.
4. Nceda wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:06