INkqubo kaZwelonke yesiCwangciso esijongene naBantwana (National Program of Action for Children) yiprogram yase-United States ejolise kubantwana nedala “Ilizwe elilungele abantwana”. Onke amasebe karhulumente aza kudlala indima enentsingiselo yokuqinisekisa ukuba le nkqubo ineziphumo ezilungileyo ezithi zibekho nebezingalindelekanga kubantwana kwanokuba abantwana bayayiqonda indima negalelo likarhulumente.

IVeki yokuJolisa kwezaMandla (Energy Focus Week) liphulo leSebe leziMbiwa nezaMandla ( DME). Isebe i-DME likhethe ukuba lijolise kwiMfundo, uKhuseleko, iMpilo noBulungisa.

Njengenxalenye yale nkqubo yalo, iSebe i-DME ligqibe kwelokuba libekele bucala iiveki ezimbini ngonyaka, enye ibe yiVeki yokuJolisa kwezaMandla ukuze enye ibe yiVeki yokuJolisa kwiziMbiwa.

Ngenxa yezehlo zokucima kombane eNtshona Koloni, kuyinto efanelekileyo ukuba iVeki yokuJolisa kwezaMandla (Energy) kumaphondo aselunxwemeni kulo nyaka, ibe iya kusingathwa eNtshona Koloni , eRitz Hotel ukususela kwi-3 ukuya kwi-7 ku-Apreli 2006.

Izikolo zethu ezihlanu zimenyiwe ukuba zize kwesi siganeko kwaye abafundi abayi-20 nootitshala aba-5 baya kumela iSebe leMfundo leNtshona Koloni. Abafundi baya kuxelelwa ngamakhondo kwicandelo lezaMandla (Energy) baze bafundiswe ngezempilo nangemiba yokhuseleko kusetyenziswa iinkcazo-ntetho, imiboniso, izibonelelo ezixhasa ukufunda ezikhuthazwayo, nokundwendwela kwiinkampani ze-oyile. Intshonalanga yokugqibela iya kusetyenziselwa isiDlo sokuWonga abantwana, apho uMphathiswa aya kuba ewonga abo abafundi bathe banesandla ekubumbeni iimveliso okanye ukuvelisa izinto ngethuba lale nkomfa nezinokuphucula imveliso yezamandla.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:30