1. ISetyhula 0066/2005 kaNovemba 2005 neNgcaciso eMfutshane engoPhuhliso lweKharityhulam 0013/2006 kaFebhuwari 2006 zibhekiselele kwiikhosi zoqeqesho loqhelwaniso eziza kuqhutyelwa ootitshala bamaBakala 8 n0-9.
2. Iikhosi zoqeqesho loqhelwaniso kwinkalo yesifundo nganye kwezisibhozo ziya kuqhutyelwa ootitshala bamaBakala 8 no-9 ukususela kwi-10 ukuya kwi-14 Julayi 2006. Enye ikhosi yeentsuku ezi-4 kwinkalo yesifundo nganye kwezisibhozo iya kwenzelwa aboo titshala bafundisa inkalo yesibini yesifundo ukususela kwi-26 ukuya kwi-29 Septemba 2006. Izikolo sele zibabhalisile ootitshala kwezi khosi.
3. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sibonelela ngoluhlu lweendawo zezi khosi zeNCS kumaBakala 8 no-9 kwi-EMDC nganye.
4. Uyakhunjuzwa ke ngezi zinto zilandelayo:
  • Iprogram yenzelwe kanye ngqo injongo yokubonelela iimfuno zootitshala bamaBakala 8 no-9 ukuze baphumeze i-NCS kumaBakala 8 no-9 ku-2007.

  • Kuphela ngootitshala abathe baqinisekisa ukuba baya kubakho ngokubhalisa kwangaphambili nabalindeleke ukuba babekho. (Le nkqubo iyimfuneko ukulungiselela iinjongo zokucwangcisa.)

  • Nceda uqaphela ukuba bonke oomasifundisane baya kuqala ngo-08:00 baphele ngo-16:00 yonke imihla ngaphandle kwangoLwesihlanu, kuba kuya kuvalwa ngo-13:00.

  • Isidlo esilula siya kubonelelwa.

  • Amabango ezithuthi zokuhamba kwaboo titshala bahlawulwa liSebe iWCED mawazaliswe ngokupheleleyo kuloo masifundisane.

  • Abathathi-nxaxheba bayacelwa ukuba beze namaxwebhu achazwe kumhlathi 6 kwakunye nosiba nephepha lokubhala.

5. Izatifikethi zokubakho kule khosi ziya kukhutshwa ngokufanelekileyo kwabo titshala
  • beze nesingqinisiso seenombolo zabo zePesali (abaqeshwa beWCED) okanye iinombolo zabo zezazisi (abaqeshwa beSGB), ngokuza nefotokopi yesiliphu somvuzo okanye eyesazisi (ID) kwanokuba

  • bezile kwaye babekho de ikhosi yafikelela esiphelweni baza basayina irejista yokubakho yemihla ngemihla.

6. Ukuze kufikelelwe kwimpumelelo ekwiqondo eliphezulu kulo masifundisane, ootitshala bayacelwa ngokunyanisekileyo ukuba bafunde la maxwebhu alandelayo kwaphambi komasifundisane:
  • I-Overview of the Revised National Curriculum Statement (Umgaqo-nkqubo);

  • I-Learning Area Statement (Umgaqo-nkqubo) ukulungiselela iprogram yokufunda abaya kuyiqulunqa; kwakunye

  • ne-Teacher’s Guide for the Development of Learning Programmes ukulungiselela iprogram yokufunda abaya kuyiqulunqa.

Ootitshala mabeze kwanala maxwebhu kwikhosi kaJulayi nekaSeptemba.

7. Ii-EMDC ziya kuchazela izikolo malunga neendawo amabaye kuzo ootitshala bazo.
8. Enkosi ngokubhalisa ootitshala bakho kwiikhosi zangoJulayi nangoSeptemba. Silindeleukuba le khosi yoqeqesho iya kuba nempumelelo kwikharityhulam entsha ukulungiselela u-2007.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:30

Isihlomelo A  (ubukhulu: 13 KB)