1. |
Esi sicwangciso samaxesha okubhala siqhotyoshelweyo soviwo lukaJuni 2006 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 sifike sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke. Uviwo luya kuqala ngowoku-1 Juni 2006 luze luphele ngowe-22 Juni 2006. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00 ngosuku oluchaziweyo. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kwizwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kwesi sicwangciso samaxesha okubhala.
|
2. |
Njengangaphambili, ngamagosa akwii-EMDC nakwaNdlunkulu nabameli baka-UMALUSI abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo.
|
3. |
Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
|
4. |
Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshiwe ncam yaye bayakwazi ukukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
|
5. |
Ngumsebenzi wabaphathi bamaziko emfundo ukusingatha imibandela yezolawulo. Ngoko ke, bonke abaphathi bamaziko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
|
6. |
Akukho mntu makavunyelwe angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo engaqalanga aveze isazisi (ID) okanye ileta yokuvunyelwa okanye ikhadi lokuzazisa elimgunyazisayo okanye ileta yokuzazisa.
|
7. |
Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba:
|
7.1 |
banike bonke ootitshala nabaviwa isicwangciso samaxesha okubhala ngoko nangoko ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo.
|
7.2 |
bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ezixelwe kuMhlathi 6 ngentla apha, phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
|
7.3 |
banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leli Sebe leMfundo |
ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:24
|