1. ISebe leMfundo eNtshona Koloni (WCED) liza kuthi kwakhona linike amathuba kubantu abadala ukuba babhale iimviwo ze-ABET level 4 ngoJuni nango-Oktobha walo nyaka. Uviwo lukaJuni luqala nge-1 Juni luze luphele nge-22 Juni 2006 ngeli lixa uviwo luka-Oktobha luqala nge-11 Oktobha 2006 luze luphele nge-31 Oktobha 2006. Onke amaziko aza kuthunyelelwa iithayimthebhile ezineenkcukacha apha ekuhambeni konyaka kwaye ezi mviwo zombini ziya kubekwa esweni liSebe iWCED, liSebe leMfundo likazwelonke nangu-UMALUSI.
2. Umlinganiselo woviwo xa uthelekiswa novavanyo oluqhutyelwa kwiziko usahleli ungu-50:50 yaye mazisetyenziswe izikhokelo zeenkalo zezifundo kuzwelonke ezazikhutshwe kunye nale Setyhula 75/2002.
3. Ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo wephondo, abaviwa mabakhuthazwe ukuba bazibhale iimviwo kuphela xa sele bekulungele ukuvavanywa.
4. Uviwo njengangoku lusetyenziselwa ukumodareyitha uvavanyo olwenzelwa kumaziko ngokweenkcukacha-manani njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 27/2004 kwaye ke ngoko kubalulekile ukuba bonke abafundi ababhala iimviwo baqeqeshwe kwiindlela zokubhala iimviwo ngobuchule (examination technique). Bayacetyiswa ootitshala ukuba bafunde iingxelo zommakishi oyintloko (chief marker’s report) we-ABET ezihamba nale ngcaciso imfutshane kwakunye namaphepha eemviwo exesha elidlulileyo xa belungiselela abaviwa iimviwo. Amacwecwe azii-CDs zamaphepha eemviwo angaphambili neempendulo ezicetyiswayo, ayafumaneka kwa-Edumedia (ifoni 021 689 9536).
5. Inkqubo yovavanyo oluqhutyelwa kumaziko ifuna ukuba kuboniswe iphothifoliyo ebubungqina bemisebenzi eyenziweyo yomfundi ngamnye kwinkalo yesifundo nganye. Iiphothifoliyo ziya kuvunywa kuphela zakuba zimodareyithiwe ngabacebisi ngezekharityhulam kwi-EMDC. UMALUSI uya kungqinisisa inkqubo yokumodareyitha yephondo yaye ke ngoko mayilandele ngokuthe ngqo inkqubo yeentlanganiso ezintathu (eyokumiselwa kwemigangatho, eyokubekwa esweni nokumodareyithwa okokugqibela)
6. Iphothifoliyo yomfundi ngamnye mayibe nemisebenzi ubuncinane emintlanu efanelekileyo esusela kwimigangatho yeyunithi nelandela izikhokelo kwiinkalo zokufunda. Le misebenzi ingangabi ziimvavanyo (tests) nangona ukuvavanya kuyeyona ndlela yokuhlola ebalulekileyo. Amanqaku okugqibela kuyo yonke imisebenzi yephothifoliyo makarekhodwe njengepesenti esusela kumanqaku ewonke alikhulu (out of 100) kusetyenziswa ezi makhishithi ziqhotyoshelweyo. Iikopi zemakhishithi eziprintwa yikhompyutha (electronic versions) zingafunyanwa kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (idilesi ikumzantsi wephepha lokuqala) okanye kubacebisi ngezekharityhulam be-EMDC yakho.
7. Amanqaku okugqibela ovavanyo oluqhutywa liziko, iiphothifoliyo zabafundi kunye neephothifoliyo zootitshala ezinezixhobo zovavanyo, iingxelo zokwazisa abafundi indlela abaqhube ngayo (feedback), iiprogram zokufunda, njl. njl. mazimodareyithwe ngabacebisi ngezekharityhulam be-EMDC ukuze emva koko zingqinisiswe yi-ofisi yephondo no-UMALUSI.
8. Iiphothifoliyo zabafundi ezingenazo iiphothifoliyo zootitshala ezifanelekileyo aziyi kuvunywa kwaye aba bafundi baya kuthathwa njengabaneziphumo ezingaphelelanga.
9. Xa ufuna inkxaso, nceda uqhagamshelane negosa le-EMDC yakho elijongene nalo msebenzi we-ABET:
I-EMDCIgosa le-ABETIfoni (yasemsebenzini)
Breede River & OverbergMr Joaniel Pieterse023 348 4619
Metropole CentralMr Derrick Sayster (acting)021 659 4344
Metropole EastMr Mike Pick (acting)021 900 0966
Metropole NorthMs Winifred Taylor021 938 3032
Metropole SouthMs Zukiswa Ntontela (acting)021 370 2056
South Cape & KarooMr Jewel Jonkers
Mr Dirk Henry
044 873 6128
023 415 2070
West Coast & WinelandsMs Juanita Cornelissen021 860 1200

10. Xa ufuna inkxaso engaphezulu, uMnu J. Parbhoo ufumaneka kule nombolo 021 467 2572 okanye kule imeyili: jparbhoo@pgwc.gov.za
11. Ungayikhangela kwakhona le ngcaciso ilandelayo kwiziko lewebhu kule dilesi :http://curriculum.wcape.school.za/site/19/page/view/
11.1 Onke amaxwebhu omgaqo-nkqubo we-ABET kwakunye neesetyhula
11.2 Zonke izikhokelo zenkalo zezifundo ze-ABET level 4
11.3 Imisebenzi yovavanyo ecetyiswayo (efumaneka ngesiNgesi, ngesi-Afrikansi nangesiXhosa)
11.4 Iingxelo zazo zonke iimviwo ezidlulieyo zikazwelonke ze-ABET
12. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabafundi abathatha inxaxheba ku-ABET level 4 ngale ngcaciso imfutshane ukuze bonke bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:15

Marksheet  (ubukhulu: 9 KB)