1. Ngokungqinelana neNgcaciso eMfutshane 0091/2005, uvavanyo rhoqo (continuous assessment) kunye noviwo lokugqibela (final examination) lwesifundo se-Business Economics luya kuqhutywa ngokwezikhokelo zikazwelonke ukususela kuJanuwari 2006.

2. Oku kuya kuba nenxaxheba enkulu kwifomathi yoviwo lwe-Business Economics, kwakunye nakumacandelo ahlukeneyo ovavanyo rhoqo kwesi sifundo. Le miba ilandelayo kufuneka iqatshelwe ngenyameko enkulu kwaye kufuneka ifundwe kunye nolu xwebhu National Assessment Guidelines for the Senior Certificate: Business Economics:

3. UVIWO LOKUGQIBELA OLUBHALWAYO (National Assessment Guideline, iphepha 4)
3.1 Ukwabiwa kwamanqaku kutshintshelwe ku-400 kuHlelo oluPhezulu naku-300 kuHlelo oluPhakathi. Ixesha eliya kuthathwa ukubhala iphepha liya kuhlala liziiyure ezintathu. Oku kuneziphumo ezibalulekileyo ezichaphazela ukusetwa kwamaphepha eemviwo nokumakishwa kwamaphepha eempendulo (marking of scripts). Imizekelo yawo omabini amaphepha eemviwo, eloHlelo oluPhezulu noluPhakathi (Higher and Standard Grade), neememoranda zokumakisha, ziya kufumaneka kwakamsinya kwiziko lewebhu le-WCED le-Business Economics apha http://curriculum.wcape.school.za kwaye kuya kuxoxwa ngazo kwiintlanganiso zezikolo ezisebenzisanayo ze-EMDC zokumiselwa kwemigangatho eziya kubanjwa ngexesha lekota yokuqala ku-2006.
3.2 Iinkalo zokufunda ezifikelelwayo kwisilabhasi (syllabus coverage) nokwabiwa kwamanqaku (weighting) (iphepha 7) nazo zilungisiwe. Kufuneka ootitshala bathathele ingqalelo amanqanaba okuqonda (cognitive level) ahlukileyo aya kusetelwa phezu kwawo amaphepha. (Umhlathi 4.4)
3.3 Ngokumalunga necandelo lokufundiswa kweesilabhasi ngokunabileyo (umhlathi 4.5, amaphepha 7 ukuya ku-15), kwenziwe utshintsho mpela malunga nokugxininiswa kwezihloko ezithile kwaye olu tshintsho kufuneka luphunyezwe ngenyameko enkulu lwenzisisiswe ngokuchanekileyo.

4. UVAVANYO RHOQO (CONTINUOUS ASSESSMENT (CASS))
4.1 Amanqaku e-CASS aya kuhlala eyi-25% yamanqaku okugqibela okupasa. Nakuba kunjalo, ukwakhiwa kweengongoma ezahlukileyo ze-CASS kutshintshiwe kwaye kufuneka ootitshala baluphumeze olu tshintsho ngokukhawuleza.
4.1.1 UViwo olumiselweyo: Uviwo olumiselweyo nolulungiselelwayo luyi-20% yamanqaku e-CASS.
4.1.2 Iimvavanyo zekota ezilawulwayo (controlled quarterly tests) (umhlathi 5.1.1): Iimvavanyo ezimbini (two tests) zekota kufuneka zifakwe kwi-CASS, o.k.t. uvavanyo lwekota yokuqala noviwo lukaJuni. Ukongeza koku, okuqulethwe ziimvavanyo ezilawulwayo kutshintshiwe.

Uvavanyo lwekota yokuqala malubandakanye umsebenzi owenziwe ngexesha lekota yokuqala. Awona manqaku asezantsi amakabelwe (minimum mark allocation) uHlelo oluPhezulu yi-130, kunye ne-100 kuHlelo oluPhakathi. (Ukwabiwa kwexesha:1 iyure). Ulwakhiwo (structure) lwephepha loviwo ngalinye nomgangatho wemibuzo mazifane nolo lwamaphepha eemviwo zokugqibela. o.k.t. Amacandelo A, B no-C (kuHlelo oluPhezulu), namaCandelo A no-B (kuHlelo oluPhakathi).

Uviwo lukaJuni kufuneka ulwakhiwo (structure) lwephepha loviwo, ukwabiwa kwexesha nokwabiwa kwamanqaku zingqinelane nezoviwo lokuzivavanya (trial) (lukaSeptemba), njengoko kucacisiwe kumhlathi 5.1.2 weZikhokelo zoVavanyo (Assessment Guidelines). Nakuba kunjalo, olu viwo luya kusetwa kuphela kumsebenzi owenziweyo ukuza kuthi ga kweso sigaba. Kwicandelo leempendulo ezinde (essay section) kuHlelo oluPhezulu, makusetwe imibuzo emithathu, abaya kuthi abafundi baphendule ibe mibini kuyo. Akukho kukhetha mibuzo makwenziwe kweminye imibuzo (ku-HG naku-SG).

4.1.3 Ezinye iintlobo zovavanyo (Khangela kwi-Assessment Guidelines, umhlathi 5.13)
  • Iimvavanyo zaseklasini (Class tests): Ubuncinane zintandathu. Elona nani lincinane lamanqaku kuvavanyo loHlelo oluPhezulu ngamanqaku ayi-60, kuze kuvavanyo loHlelo oluPhakathi abe yi-50 amanqaku. (Ixesha elabelwe ezi mvavanyo: 30 imizuzu)

  • Ii-asayinimenti (Assignments:) Ubuncinane ZIMBINI. I-asayinimenti ingangumsebenzi wesakhono kwisifundo (subject skill task) okanye isihloko sezoshishino sezinto eziqhubekayo ngoku (current business topic) OKANYE zidityaniswe zombini. Zonke ii-asayinimenti maziye kutsho kumanqaku ayi-50 kwaye mazivavanywe ngokusebenzisa irubrikhi (rubric) okanye imemorandam okanye zidityaniswe zombini.354

  • Iprojekthi yophando (Research project): Iprojekthi yophando eNYE eya kutsho kwi-100 lamanqaku, aguqulwa abe ngamanqaku ayi-20. Le projekthi iya kuvavanywa ngokusebenzisa irubrikhi kuphela. (Ootitshala bangayilungisa apha naphaya irubrikhi ebikade isetyenziswa ngaphambili kwi-CASS Transition Guidelines, amaphepha 37–39, okanye nayiphi na irubrikhi efanelekileyo esebenzisa iikhrayitheriya ezicetyiswayo.)

  • Ukuthatha inxaxheba kwabafundi: (Umsebenzi onamanqaku ayi-25 aguqulwa abe ngamanqaku ama- 5)Utitshala unokuseta umsebenzi omNYE walowo nalowo mfundi nomawenziwe ngumfundi ngamnye ukuvavanya uthatho-nxaxheba lomfundi ngamnye kwithuba elithatha ixesha elithile (umzekelo iinyanga ezimbini). Lo msebenzi mawubandakanye iikhrayitheriya ezifunekayo zothatho-nxaxheba lomfundi (khangela kolu xwebhu Assessment Guideline document, amaphepha 21 no-22). Oku kufuneka kuvavanywe ngerubrikhi efanelekileyo eneekhrayitheriya ezicetyiswayo kolu hlobo lovavanyo

Imizekelo yemisebenzi ecetyiswayo nefanelekileyo eneerubrikhi ezihamba nayo, kwakunye neethemplethi zeemakhishithi zekhompyutha (electronic mark sheet templates) iyafumaneka kweli ziko lewebhu Business Economics (Resources page) apha http://curriculum.wcape.school.za/site/28/res/view, kwaye abacebisi ngezekharityhulam be-EMDC baya kuxoxa ngayo nootitshala ngexesha leentlanganiso zokumiselwa kwemigangatho kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster standard setting meetings) eziya kubanjwa ngexesha lekota yokuqala ka-2006.

4.1.4 Kucetyiswa ukuba kwenziwe iprogram yeCASS efanayo kwiBakala 11 apha ku-2006.
4.1.5 Isicwangciso samaxesha okugqitywa kwemisebenzi yeCASS

Umcebisi ngezekharityhulam we-EMDC nganye uya kuzama ukwenza isicwangciso samaxesha okumodareyitha esinokufikeleleka, ngeqela ngalinye lezikolo ezisebenzisanayo, ukuze kugqitywe yaye kumodareyithwe ngempumelelo iingongoma zeCASS ezifunekayo ngonyaka.


5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa zonke iintloko nootitshala besifundo se-Business Economics nokuba bonke bakuthathela ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:13

National Assessment Guidelines for the Senior Certificate: Business Economics  (ubukhulu: 195 KB)