1. Abancedisi bootitshala baya kuqeshwa ukususela kwi-15 Matshi ukuya kowe-30 Novemba 2006. Oku kufanele ukuba kubhalwe kwimvumelwano yengqesho.
2. Umzali okanye umgcini womncedisi katitshala ongaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ananye kufanele ayisayine naye (countersign) imvumelwano yengqesho.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livelise isikhokelo senkqubo yokuqhelaniswa neemeko (induction process) ukuxhasa izikolo ukuze zibaqhelanisa neemeko zomsebenzi ngempumelelo abancedisi bootitshala. Ziyacelwa izikolo ukuba zisebenzise esi sikhokelo ukususela nge-15 Matshi ukuya kowe-31 Matshi 2006.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linethemba lokuba iinqununu nootitshala baya kuzuza kwesi sikhokelo nokuba ukuqhelaniswa neemeko zomsebenzi ngempumelelo kwabancedisi bootitshala kuya kukhokelela kuphuculo lomgangatho wokufunda nokufundisa kwiphondo leNtshona Koloni.
5. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise ootitshala besiGaba seSiseko le ngcaciso ukuze bayithathele ingqalelo.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, nceda uqhagamshelane no-S. Fortuin, uMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam weMfundo eBandakanya bonke aBafundi (Senior Curriculum Planner for Inclusive Education), ngale foni 021 467 2584 okanye ngale dilesi ye-imeyili mailto:sfortuin@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:08

Teaching Assistants: Concept Document  (ubukhulu: 398 KB)
Induction Guidelines  (ubukhulu: 84 KB)