1. Izikolo zazazisiwe ngeSetyhula 0011/2006 ngopapasho lwezaziso zezithuba zengqesho eziyi-510 zabancedisi bootitshala kwizikolo ezikhethiweyo. Oku kubonelelwa ngootitshala yiprojekthi elilinge eyenziwa kwiimeko eziliqela yaye kwasetyenziswa iikhrayitheriya ezizintlobo ngeentlobo ekukhetheni izikolo ezili-163. ISebe liva kabuhlungu ngokuba kungabanga nokufakwa izikolo ezingaphezu koku.
2. Le projekthi, ekhawulelana neemfuno zolwazi lokufunda nokubhala kwiphondo eli, iya kuqhuba ukususela ngoMatshi ukuya kutsho kuNovemba 2006.
3. Le projekthi iza kubekwa esweni ngenyameko enkulu ize ivavanywe ukujonga ukuba ingayethuba elide kangakanani na.
4. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T.C. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:02