1. U-Artscape uya kube ebonisa umdlalo weqonga wencwadi ethi, Hamlet ngokubhalwa nguWilliam Shakespeare kwi- Artscape Theatre, ukusukela ngomhla we- 26 Apreli ukuya kumhla we 05 Meyi 2006.
2. Siya kuyithakazelela kakhulu into yokuba kuvunyelwe abafundi beBanga le-12 abafunda njengangoku le ncwadi yedrama emiselweyo, ukuba beze kuwubona lo mdlalo weqonga njengoko uya kuba yinzuzo enkulu kubo.
3. Isaziso esiqhotyoshelweyo sinika zonke iinkcukacha ezizeleyo.
4. Nceda wazise bonke abantu abachaphazelekayo ngako konke okuqulethwe yile ngcaciso emfutshane yeKharityhulam.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:08

Notice  (ubukhulu: 6 KB)